11 Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, ndibonisa ukuguquka kwenu; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam. Andikufanelanga nokukhulula izihlangu ezi zakhe. Yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo.
12 Ingobozi isesandleni sakhe. Uya kukwela kuthi tu okusesandêni, ayigalele kuvimba ingqolowa. Ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimiyo.”
13 Wafika eJordan uYesu, evela eGalili, eze kubhaptizwa nguYohane.
14 UYohane ke wayengavumi, esithi: “Indim nje ofanele ukubhaptizwa nguwe, nguwe na oza kum?”
15 Waphendula uYesu wathi kuye: “Vuma okwangoku, kuba kusifanele thina ukwenjenjalo, ukuze senze konke okufunwa nguThixo.” Wavuma ke uYohane.
16 Ebhaptiziwe uYesu, waphuma kwangoko emanzini. Lasuka izulu lavuleka, wabona uMoya kaThixo enjengehobe esihla esiza kuye.
17 Kwavakala izwi, livela ezulwini, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; ndikholisiwe nguye.”