6 Babezixela izono zabo, aze ababhaptize emlanjeni iJordan.
7 Ke kaloku, akubona into eninzi *yabaFarasi *nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, uYohane wathi kubo: “Nzalandini yamarhamba, ngubani na onilumkisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?
8 Ke ngoko velisani iziqhamo ezifanele inguquko.
9 Ze ningafane nithi: ‘Siyinzala ka-Abraham.’ Ndiyanixelela mna, uThixo unako kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.
10 Kanti ke izembe selikulungele ukuyinqumla ezingcanjini imithi. Ngoko ke wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle uyagawulwa utshiswe.
11 Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, ndibonisa ukuguquka kwenu; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam. Andikufanelanga nokukhulula izihlangu ezi zakhe. Yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo.
12 Ingobozi isesandleni sakhe. Uya kukwela kuthi tu okusesandêni, ayigalele kuvimba ingqolowa. Ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimiyo.”