1 Waza uYesu wakhokelelwa entlango nguMoya, ukuba ahendwe ngumtyholi.
2 Uthe ke, ezile ukutya iintsuku ezimashumi mane, walamba ekupheleni kwazo.
3 Wafika umhendi, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.”
4 Waphendula yena wathi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”
5 Umtyholi ke wasa uYesu kwisiXeko esiNgcwele, wammisa phezu *kwendlu kaThixo,