12 Ke uYesu akuva ukuba uYohane ubanjiwe, wahamba waya kwelaseGalili.
13 Wemka ke eNazarete, wafudukela eKapernahum ngaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali.
14 Kwazaliseka ke ngoko okwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:
15 “Wena sithili sakwaZebhulon, nawe sithili sakwaNafetali,nina eningakwindlela yaselwandle, phesheya kweJordan,nina baseGalili yeentlanga,
16 bantu ababehleli ebumnyameni,niboné ukukhanya okukhulu;nina enanihleli ezweni nasethunzini lokufa,nivelelwe kukukhanya.”
17 Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”
18 Kuthe uYesu ehamba ngakuLwandle lwaseGalili wabona abantu ababini, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya, umninawe wakhe, bephosa umnatha elwandle, kuba babengabalobi.