18 Kuthe uYesu ehamba ngakuLwandle lwaseGalili wabona abantu ababini, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya, umninawe wakhe, bephosa umnatha elwandle, kuba babengabalobi.
19 Wathi kubo: “Ndilandeleni; ndonenza abalobi babantu.”
20 Bayishiya kwangoko ke iminatha yabo, bamlandela.
21 Uthe ke, ehambele phambili esuka apho, wabona omnye umntu nomntakwabo, uYakobi unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, besesikhitshaneni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo; wababiza ke.
22 Basishiya kwangoko isikhitshana noyise, balandela uYesu.
23 UYesu wayelityhutyha lonke elaseGalili, efundisa *ezindlwini zesikhungo, evakalisa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo zonke nemikhuhlane yonke.
24 Lwaphuma udumo lwakhe, lwavakala kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abagulayo, benezifo neentuthumbo, nabaphethwe ziindimoni, nabanesithuthwane, nabafe umzimba, waza wabaphilisa.