22 Ke mna ndithi kuni, wonke umntu osuka amqumbele uwabo usisisulu somgwebo. Nothi kuwabo: ‘Ntw' ingento,’ usisisulu sokugwetywa yinkundla ephakamileyo. Ke othi: ‘Siyathandini,’ usisisulu sesihogo somlilo.
23 Ke ngoko, ukuba usondeza esibingelelweni into oyinikela kuThixo, wathi ulapho wakhumbula ukuba uwenu unendawo ngakuwe,
24 wushiye apho umnikelo wakho phambi kweqonga lamadini, uhambe uye kuxolisana nowenu kuqala, uze emva koko uwusondeze umnikelo wakho.
25 “Visisana kamsinya nokumangalelayo, usesendleleni kunye naye, hleze ummangaleli wakho akunikele kumgwebi, aze umgwebi akunikele epoliseni, uze uphoswe entolongweni.
26 Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”
27 “Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’
28 Ke mna ndithi kuni, wonke umntu okhangela umntu obhinqileyo embawela, uselekrexezile entliziyweni yakhe.