16 “Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
17 Ke wena, xa uzilayo, uzungayeki ukuthambisa intloko yakho nokuhlamba ubuso bakho.
18 Kothi ke ukuzila kwakho kungabonakali ebantwini, koko kubonakale kuYihlo ongabonwayo, aze yena uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze.”
19 “Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe.
20 Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.
21 Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.”
22 “Isibane somzimba liliso. Xa iliso lakho lilungile, umzimba wakho uphela uya kukhanyiseleka.