2 Ke ngoko, xa sukuba usipha ihlwempu, uze ungemi phezu kwendlu umemeze, njengokuba besenjenjalo abahanahanisi *ezindlwini zesikhungo nasezitalatweni, ukuze banconywe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
3 Ke wena, xa sukuba usipha ihlwempu, masingakwazi isandla sakho sasekhohlo okwenziwa sisandla sakho sasekunene,
4 ukuze ke izinwe zakho zingabonwa ngabantu, ze ke uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze yena ekuhleni.”
5 “Xa uthandazayo, uze ungabi njengabahanahanisi, bona bathand' ukuthandaza bemi *ezindlwini zesikhungo nasezikoneni zezitalato, ngenjongo yokuba babonwe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
6 Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.
7 “Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.
8 Ze ningafani nabo, kuba uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekaceli.