28 “Kananjalo yini na ukuba nixhalele into yokunxiba? Khaniqwalasele ukukhula kweenyibiba zasendle; azisebenzi, azithungi nokuthunga;
29 kanti ngenene, noSolomon kubo bonke ubunewu-newu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye yazo.
30 Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca yasendle, ethi namhlanje ibekho, ze ngomso iphoswe eziko, akayi kugqithisa na ukunambathisa nina, bantundini balukholo luncinane?
31 “Musani ke ukuxhala, nisithi: ‘Sodla ntoni na; sosela ntoni na; sonxiba ntoni na?’
32 Zezi zinto kanye abahlala besukelana nazo abangakholwayo beentlanga. Ke yena uYihlo osezulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyimfuneko kuni.
33 Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.
34 Ngenxa yoko musani ukulixhalela ingomso. Ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.”