18 Umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongalunganga awunakuvelisa ziqhamo zihle.
19 Ke wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni.
20 Ke ngoko abashumayeli abaxokayo nobaqonda ngezenzo zabo.”
21 “Asingabo bonke abathi kum: ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo; kuphela ngabayenzayo intando kaBawo osezulwini.
22 Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini: ‘Nkosi, besingashumayeli egameni lakho na, sikhuphe neendimoni ngegama lakho, size kwangegunya legama lakho senze imimangaliso emininzi?’
23 Ke mna ndiya kuthi kubo: ‘Andizange ndanazi; mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho.’”
24 “Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.