33 Kwathi yakukhutshwa indimoni wasuka wathetha lowo ubesisimumu; baza bamagaliswa abantu, besithi: “Into enje ayizange yenzeke kwaSirayeli.”
34 Kodwa bona *abaFarasi bâthi: “Ngumphathi weendimoni lo umnika amandla okukhupha iindimoni ezi.”
35 UYesu wayejikeleza kuzo zonke izixeko needolophu, efundisa *ezindlwini zesikhungo, eshumayela iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo ngezifo.
36 Akuzibona izihlwele, wavelana nazo, kuba bezinxubile, zityhafile ngokweegusha ezingenamalusi.
37 Ke wathi kubafundi bakhe: “Umsebenzi wokuvuna mkhulu, kodwa bambalwa abavuni.
38 Thandazani ke ngoko kuMnini-sivuno, okokuba athumele abasebenzi, baye kuvuna.”