1 Yeziganeko 22:8-14 XHO96

8 Kambe ke kwafika ilizwi likaNdikhoyo kum, lisithi: ‘Wena uliphalaze gqitha igazi; ulwe iimfazwe ezininzi gqitha. Ngoko ke asinguwe oya kulakhela indlu igama lam, kuba wena uphalaze igazi elininzi gqitha emhlabeni phambi kwam.

9 Kambe ke uza kuba nonyana oya kuba yindoda yoxolo nenzolo; mna ndiya kumthi jize ngenzolo, ndimphumze macal' onke ezintshabeni zakhe. Igama lakhe liya kuba nguSolomon, ibe ke uSirayeli ndiya kumthi jize ngoxolo nenzolo ngexesha lombuso wakhe.

10 Nguye ke oya kulakhela indlu igama lam. Yena uya kuba ngunyana wam, mna ndibe nguYise. Ewe, mna ndiya kusizinzisa isihlalo sombuso wakhe phezu koSirayeli kude kube ngunaphakade.’

11 Ngoko ke ngoku, nyana wam, ngamana wanawe uNdikhoyo; ngamana waphumelela ekuyakheni indlu kaNdikhoyo uThixo wakho, nanjengoko wayethe uya kuyakha.

12 UNdikhoyo ngamana wakupha ingqiqo nokuqonda xa ekufaka ukuba wongamele uSirayeli, khon' ukuze uwuthobele umthetho kaNdikhoyo uThixo wakho.

13 Ewe, uya kuba nempumelelo xa uthe wanenyameko wayinonophela imimiselo nemithetho leyo uNdikhoyo wayinikezela uSirayeli ngoMosis. Yomelela ukhaliphe; uze ungoyiki utyhafe!

14 “Amalungiselelo ndiwenze ngenyameko, ndilungiselela ukwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo. Ndiqokelele iitoni zegolide ezingaphezu kwamawaka amathathu anamakhulu amane, kunye neetoni zesiliva ezingaphezu kwamashumi amathathu anesine amawaka, ukuze kwakhiwe indlu leyo, kwakunye nentaphane yobhedu, kunye nentsimbi ebunzima bungenamlinganiselo, ngokunjalo nemithi namatye. Nawe ke ungazongeza ezo zinto.