2 Kananjalo waqokelela zonke iinkokheli zakwaSirayeli kunye nababingeleli nabaLevi.
3 Babalwa abaLevi ababudala bungamashumi amathathu nangaphezulu, baza bafumaneka bengamashumi amathathu anesibhozo amawaka.
4 UDavide wathi: “Amashumi amabini anesine amawaka abaLevi baya kongamela umsebenzi wendlu *kaNdikhoyo, size isithandathu samawaka sibe ngamagosa nabagwebi.
5 Ke wona amawaka amane aya kuba ngabagcini-masango; kananjalo amanye amawaka amane adumise uNdikhoyo ngeengoma esebenzisa izikhalisi endizilungiselele loo njongo.”
6 UDavide wabahlula-hlula abaLevi ngokwamaqela oonyana bakaLevi: uGershon, uKohati, noMerari.
7 Oonyana bakaGershon nguLadan noShimeyi.
8 Oonyana bakaLadan bathathu: nguYehiyeli owamazibulo, ibe nguZetam noJoweli.