6 Ukumkani wathi kuJosefu: “Hamba uye kungcwaba uyihlo njengoko wawumthembisile ngesifungo.”
7 Wahamba uJosefu ukuya kungcwaba uyise. Waphelekwa ngoomaqhuzu basebhotwe, amaphakathi, nabo bonke abantu abaphambili kubemi baseJiputa.
8 Kwahamba usapho lwakhe, abantakwabo, kwakunye nomzi kayise wonke. Kwasala abantwana kuphela eGoshen kunye nemfuyo yabo.
9 Kwakuziinqwelo zamahashe, kunye nabakhwele amahashe, isisihlwele.
10 Bathi bakufika kwisanda sika-Atadi kufuphi neJordan, batsho ngesijwili esikrakra ithuba elide. Apho uJosefu wachitha iintsuku ezisixhenxe ezilile.
11 Abantu baseKanana, bakubabona bezilile kwisanda sika-Atadi, bayincoma inkqubo ezukileyo yenzila eyayisenziwa ngamaJiputa. Yiyo ke loo nto loo ndawo kwathiwa igama layo yiAbheli-mizerayim.
12 Benjenjalo ke oonyana bakaYakobi ukuthobela umyolelo kayise.