10 UBharuki esendlwini kaNdikhoyo, emi egumbini likaGemariya unyana kanobhala uShafan elalikwiyadi engentla kwiSango eLitsha lendlu kaNdikhoyo, wabafundela encwadini abantu amazwi kaJeremiya.
11 Wasuka uMikaya, ozalwa nguGemariya unyana kaShafan, akuba ewavile amazwi *kaNdikhoyo asencwadini,
12 waya kwigumbi likanobhala ebhotwe apho kwakuhleli khona ezi ziphathamandla: unobhala uElishama, uDelaya unyana kaShemaya, noElinatan unyana ka-Akebhore, kunye noGemariya unyana kaShafan, noZedekiya unyana kaHananiya, nezinye iindwalutho zonke.
13 Akuba uMikaya ebaxelele konke akuve kufundelwa abantu nguBharuki encwadini,
14 ezo ziphathamandla zathuma uYehudi, unyana kaNetaniya ozalwa nguShelemiya unyana kaKushi, ukuba axelele uBharuki athi: “Yiza apha naloo ncwadi uyifundela abantu!” Waya kubo ke uBharuki unyana kaNeriya, eyiphethe loo ncwadi.
15 Bathi kuye: “Khawuhlale phantsi usifundele.”Wahlala phantsi ke, wabafundela.
16 Akuba loo madoda ewavile onke loo mazwi, othuka, aza abhekisa kuBharuki athi: “Ngenene, la mazwi makaxelwe kukumkani.”