11 Nangoku ke khawolule isandla sakho uchukumise yonke le nto anayo; uya kubona, uya kukushwabulela nawe lo!”
12 UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, ungayenza into oyenzayo kwinto yonke anayo, kodwa uze ungakhe ulinge umchukumise yena siqu.”USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo.
13 Ngenye imini xa oonyana bakaYobi neentombi zakhe babebhiyoza besitya besela endlwini yenkulu yakhe,
14 kwafika isigidimi kuYobi, sathi: “Besilima ngeenkabi, zona iidonki zisitya kwalapho kufutshane;
15 kwaza kwagaleleka amaSabha, asihlasela, azithimba ezo nkomo needonki. Ke zona izicaka zakho azibulele ngekrele; kusinde mna ndedwa ukuze ndikwazise.”
16 Eso sicaka sathi sisathetha njalo kwafika esinye isigidimi, sathi: “Zonke iigusha zakho ngokunjalo nabelusi zibethwe ngumbane zafa; kusinde mna ndedwa ukuze ndikwazise.”
17 Sisathetha njalo kwagaleleka esinye, safika sathi: “Sihlaselwe ngamaqela amathathu amaKaledi, afika azithimba iinkamela, abelusi ababulala ngekrele, yandim ndedwa osindayo ukuze ndikwazise.”