Uyobi 39 XHO96

1 “Ngaba uyalazi ixesha lokuzala kwamagogo asemaweni?Wakha walibona na inxala xa lifikelwa yinimba yokuzala?

2 Lithatha iinyanga ezingakanani lithwele,lize lifike nini ke ixesha lokuzala kwalo?

3 Uyalazi ukuba lingqengqa nini na ukuze libeke itakane lalo,ibe ke ngokunjalo idlule intlungu yenimba?

4 Amatakane alo akhulela ezindle ade omelele,aze ke asuke emke angaze abe sabuya.

5 “Iqwarha eli layithatha phi inkululeko?Ngubani owalikhulula intambo ukuba libhadule?

6 Ndim owalinikela ukuba lihlale entlango,ikhaya lalo libe kuloo mathafa etyuwa.

7 Isiphithi-phithi sasezixekweni yintlekisa kulo;ngokunjalo nemikhwazo yombhexeshi aliyiva.

8 Libhadula ezintabeni lifuna amadlelo,lize limemethe naluphi na uhlaza elilufumanayo.

9 “Uthi ungaze uyisebenzise inyathi?Unganako ukuyivalela ebuhlanti?

10 Uthi ungayirhintyela ulime ngayo;mhlawumbi uyerhe entilini phaya?

11 Uthi ingaze ikuncede ngamandla ayo;ungawunikela kuyo umsebenzi wakho?

12 Ngaba unganako ukuvuna ngayo?Uthi ungabhula ngayo esandeni phaya?

13 “Hayi ukufaneleka kwamaphiko enciniba!Kambe ke iyagqweswa yingwamza ngokuphapha.

14 Amaqanda ayo iwabeka emhlabeni iwashiyeukuze ke afudunyezwe ngumhlaba lowo.

15 Ayinaloyiko lokuba osuka anyathelwe,okanye kuthi gqi inyamakazi iwakroboze.

16 Ayinankathalo ngamantshontsho ayo, ngathi asingawayo;ayivakalelwa kukubhanga kwemigudu yayo.

17 UThixo uyivimbe ubulumko inciniba,akayinika nokuyinika ingqiqo.

18 Kambe ke yakuwathi naa amaphiko ayo ibalekaiyalihleka ihashe nokhwele kulo.

19 “Ngaba nguwe na owenze ihashe lomelela kangaka?Nguwe owalivathisa ngeso singci siyakayaka?

20 Nguwe olenze lanako ukuthi qakatha njengeenkumbi?Nguwe olenze larhwaqelisa ngesandi somfutho walo?

21 Ligxanya ngamandla ngaloo manqina alo xa lijikela entilini phaya,selifunzele phakathi kwayiwayo!

22 Kaloku lona alinadyudyu nantaka;aliwazele nto umkhonto, alibuyi ngamva.

23 Kaloku lo uphezu kwalo uxhob' uf' amacala;oomikhonto noozincula ziyabengezela.

24 Ngaloo manqina alo lisiphula umhlaba,selingasakwazi ukuzibamba, lilindele ukuvakala kwexilongo.

25 Lakuva umtyangampo wexilongo lithi: ‘Ngxatsho ke!’ze lithi lisekude lé, libe seliqonda ukuba izwe lifile!Kaloku liyabeva oomaqhuzu xa bayalelayo.

26 “Ngaba bubulumko bakho na obunika ukhetshe ubuchule bokubhabha?Nguwe omenza athi naa amaphiko abheke kwelasezantsi?

27 Ngaba nguwe oyalela ixhalanga ukuba lintinge,lakhe nendlu yalo emalenga-lengeni phaya?

28 Kaloku lona lihlala kwiinkelekethe zamawa;lizenzela inqaba kwiimfanta zamalenga-lenga.

29 Lithi cwaa apho lilonga-longe ixhoba,lize lilipopole noba selisekudeni.

30 Amathole alo amfimfitha igazi;nalapho zikhoyo izidumbu libutha khona ixhalanga.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42