Uyobi 33 XHO96

1 “Ewe ke ngoku, Yobi, khawukuve ukuthetha kwam,uwaphulaphule onke amazwi am.

2 Khawundibolek' iindlebe, nam khe ndikuphokozele.Phulaphula, ulwimi lwam selubeth' inkalakahla.

3 Ewe kaloku, ndithetha ndinyanisekile;andikufihli oko ndikwaziyo.

4 Kaloku nam ndidalwe nguMoya kaThixo;ukuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.

5 Ndiphendule ukuba unako;qula uzilungiselele amagama.

6 Kaloku phambi koThixo siyafana sobabini;ewe, sobabini sabunjwa nguye ngodongwe.

7 Ngoko ke uzungatatazeli, mwethu;noko nesandla sam asingeke sikucinezele.

8 “Ngokuya ubuthetha ndikuvisisile;kaloku uthethe wenjenje:

9 ‘Mna ndimsulwa, andinatyala;andinachaphaza, ndingenasiphoso.

10 Koko uThixo uyandidlelelela nje;ewe, ufumana endityhola ngokuba ndilutshaba!

11 Iinyawo zam uzikhonkxa ngezikhuni;uyazigqala zonke iindlela zam.’

12 “Uyabona, uphazamile ngayo le ndawo;mandikuphendule, kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.

13 Ngani ke ukuba umangalelane naye,usithi yena akaphenduli mntu?”

UElihu: UThixo uyathetha nomntu

14 “Kaloku uThixo uthetha nomntu ngandlela zonke,kambe ke yena umntu akahoyi.

15 Xa umntu ekobunzulu ubuthongo,elele emandlalweni wakhe,uThixo uthetha ngamaphupha nemibono yasebusuku.

16 Ewe, uzivula ngelo xesha iindlebe zabantu,ebalumkisa batsho barhwaqele.

17 Ethethanje ke uthintela ukona;unqanda umntu angazigwagwisi.

18 Ukhusela umphefumlo womntu engcwabeni,amhlangule kwintshabalalo yekrele.

19 “Kananjalo umntu wolulekwa nangezigulo ezibuhlungu,aphanjwe ziingqaqambo emzimbeni.

20 Ewe, ude angabi sakulangazelela nokutya,nokona kumnandi akucekise.

21 Ubhitya abe ngumcinga,nezo mbanjana zakhe bezifihlakele zithi gqi ngaphandle.

22 Kaloku selejinga phezu kwengcwaba;ubomi bakhe bukhwetywa kukufa.

23 Mhlawumbi ke angeza kulamlelwa sisithunywa,esinye kuloo mawaka-waka,simkhumbuze ngeemfanelo zakhe.

24 Singatsho ngovelwano sithi:‘Mkhulule; makangehli aye kwelabafileyo.Nantsi kaloku intlawulo.’

25 Ulusu lwakhe luya kuhlaziyeka njengolosana,lubuyiselwe kwimihla yobutsha bakhe;

26 athi ke akuthandaza eviwe nguThixo,atsho amnqule ngothakazelelo,abuye abe ngumntu oziphethe ngaloo ndlela ayifunayo uThixo.

27 Uya kuvuma esidlangalaleni athi:‘Ndonile ndaphambuka endleleni,kodwa uThixo akandohlwayanga ngako oko bekundifanele.

28 Ewe, undihlangule engcwabeni,nobomi bam abuyi kucinyelwa langa.’

29 “Zonke ezi zinto ke zenziwa nguThixo;ewe, uzenza umhla nezolo.

30 Umntu uyamhlangula engcwabeni,ukuze naye axhamle ubomi.

31 “Ngamana wandiphulaphula ke, Yobi;ewe, yithi cwaka khe ndithethe.

32 Kambe ke uphendule xa unako;nam ndizimisele ukukulungiselela.

33 Phofu ke, xa ungenamazwi, yithi tu,mna ndikufundise ubulumko.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42