Uyobi 12 XHO96

UYobi: Ngubani ongàzaziyo ezi zinto?

1 Ke uYobi waphendula wathi:

2 “Inene, ningabona bantu;ibe ke nobulumko buya kufa nani!

3 Kambe ke nam ndinengqondo njengani;anindidluli nganto.Kakade ke nithi ngubani ongàzaziyo ezi zinto?

4 “Mna ndiyakhala kuThixo, aze andiphendule;kodwa ngoku sendiyintlekisa nakwizihlobo zam –ewe, ilungisa lomfo ongenabala,kambe ke namhlanje ndisisigculelo!

5 Oseshweni uyadelwa ngabathe zava;ogxadazelayo uyakhatywa!

6 Kukho ulonwabo ezindlwini zezikrelemnqa;abamqumbisayo uThixo bakhuselekile;nditsho abo bacingayo ukuba uThixo usezandleni zabo.

7 “Kodwa ke khanibuze nakwiinyamakazi, ziya kunifundisa;nibuze nasezintakeni, zinixelele.

8 Khaningqawe ulwazi nakwizilo zomhlaba, ziya kuninika;ninkinkqe ukuqonda nasezintlanzini elwandle, ziya kuniphokozela.

9 Phakathi kwazo akukho ungaqondiyo ukuba le nto yenziwe *nguNdikhoyo.

10 Kaloku zonke izinto eziphilayo zisesandleni sakhe,nobomi boluntu lonke buxhomekeke kuye.

11 Kaloku kwanjengokuba umlomo usiva ubunjani bokutya,nendlebe ke iyawaphicotha amazwi.

12 Ubulumko buyafumaneka kwiingwevu;ke bona ubudala buza namava.

13 “Kanti ke yena uThixo unobulumko namandla,amacebo nengqiqo.

14 Into ayiqhaqhileyo akukho mntu unokubuya ayakhe;ngokunjalo nomntu amvaleleyo akukho ungamvulelayo.

15 UThixo akuwavalela amanzi kuyabalela;kanti ke akuwavulela kutsho kube ziimpuphuma.

16 Ukomelela noloyiso lolwakhe,kanti ke nabakhohlisi ngokunjalo nabakhohliswa basesandleni sakhe.

17 Yena amaphakathi uwatsho ancitheke,nabagwebi abatsho babe ziimpanga-mpanga.

18 Uyawakhulula amakhamandela aqhotyoshwe ngookumkani,aze bona ngokwabo abanxibise umbhinqo wamabanjwa.

19 Ababingeleli ubatsho baphoxeke,aze wona amakhwahla awakhiqe.

20 Amaciko athenjiweyo uwatsho abhibhidle;aze ayiphuthise nengqiqo yamadoda amakhulu.

21 Amatshawe uwahlaza ngendelelo;ke zona iingwanyalala uzihlutha izixhobo.

22 Utyhila izinto ezifihlakele ezinzulwini zobumnyama,nobona bumbonde-mbonde abujike bube kukukhanya.

23 Uyazikhulisa izizwe, abuye azivuthulule;azithi jize ngobungangalala, abuye aziyekele zithinjwe.

24 Iinkokheli zezizwe uzitsho zibe zizithwanga-thwanga,zifathule zibhadula enkangala.

25 Ngoko ke ziphutha-phutha ebumnyameni, kungekho kukhanya;zigxadazele njengamanxila.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42