Uyobi 41 XHO96

1 “Uthi ungaze uyilobe ingwenya, okanye ubambe ulwimi lwayo ngentambo?

2 Uthi ungaze uyifake intambo impumlo yayo,mhlawumbi uyithi qhoo imihlathi ngegwegwe?

3 Ucing' ukuba ingaze itarhuzise kuwe?Uthi ingakukubongoza ngamazwi athambileyo?

4 Uthi ingenza isivumelwano kunye nawe,ithembise ukuba likhoboka lakho ngonaphakade?

5 Ngaba ungayenza intaka ongadlalisa ngayo,uyikhulekele amantombazana akho?

6 Abarhwebi uthi bangarhweba ngayo?Ucing' ukuba bangahlulelana ngayo?

7 Isikhumba sayo ungasigqobhoza ngamagwegwe?Mkhonto waphi ongangxwelerha intloko yayo?

8 Khawuyichukumise nje – soz' uphinde!Engak' imfazwe soz' uyilibale!

9 Ngamampunge ukucinga ukuba ungayoyisa.Umntu uthi nje akuyibona asuke avikiveke aphelelwe.

10 Kungekho bani nje unesibindi sokuyiphazamisa,ngubani ke ngoko onako ukumelana nam?

11 Ukhona na onako ukubanga into kum ukuze ndimbuyisele?Kaloku yonke into phantsi kwezulu yeyam.

12 “Andinakuthi cwaka ngemilenze yayo;makhe ndikuphokozele ngokomelela kwayonokufaneleka kokwakhiwa kwayo.

13 Ngubani onokuyinyanzela ukuvula umlomo,ingubani onokuyifaka umkhala?

14 Ewe, ngubani ongavula loo mihlathi yayoijikelezwe ziingxavula ezoyikekayo zamazinyo?

15 Umqolo wayo unoludwe lwamakhakaaphotheneyo ngathi atywiniwe.

16 Ewe, asondelelene ayimbumba;phakathi kwawo akungeni nomoya.

17 Hayi, anxibelelene angunonca,abambene nkwa, akanakwahlukaniswa.

18 Yintw' ethi yakuthimla kumenyeze,emehlo ngathi lilanga liphuma.

19 Yintw' emlomo ulatyuza amadangatye,kutsho kutak' iintlantsi.

20 Yintw' emarhanana alephuz' umsi,oku kwembiza ebaselwe ngeengcongolo.

21 Ngomphefumlo wayo ungáwuphemb' umlilo;kaloku kuthaphuz' amadangatye kuloo mlomo.

22 Yintw' etsho ngengwanyalala yesixhanti;bakuyibona abantu suka barhwaqele.

23 Izihlunu zayo zifumbene;ziyingwanyalala engenakuhluthuzwa.

24 Yintw' entliziyo iqine oku kwenyengane!Yomelele oku kwelitye lokusila.

25 Ithi ingaphakama kunkwantye neengangalala;yakushukuma zisuka zithi phithi.

26 Yona yomelele, ayinakungxwelerhwanaziintshuntshe, oomikhonto, noozincula.

27 Kuyo intsimbi ifana nomququ;ke lona ubhedu nqwa nevithi.

28 Okukokwalo utolo ayilwazele nto;kuyo ilitye *lenkwitshi linkumnka ngathi sisabhunge.

29 Ke lona ibhunguza lifana nodiza;iincula ziyinto yentsini kuyo.

30 Isisu sayo nqwa namaceba embiza;umhlaba siwukrazula oku kwesileyi sokubhula.

31 Amanzi enzonzobila iwatsho abile okwembiza,ulwandle iluzama-zamise okweqhaga leziqholo.

32 Emva kwayo ngumzila omenyezelayo emanzini.Inzonzobila isuka ifane neenwele zengwevu.

33 Ehlabathini akukho nto inokulinganiswa nayo,nditsho isilo esingenabo ubugwala.

34 Kaloku noozindlula-mthi izikrobile;ewe, ingukumkani kwizilo zonke ezinyalasayo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42