Uyobi 7 XHO96

UYobi: Uyintoni na umntu?

1 “Ke bona ubomi bomntu yimbulaleko emhlabeni;imihla yakhe ngumzabalazo onjengobomi bomqeshwa.

2 Imihla yakhe injengeyekhoboka elisoloko lilangazelela ukuhlwa;injengeyomqeshwa olangazelela umvuzo wakhe.

3 Ewe, esam isabelo ziinyanga ngeenyanga zokulambatha;mna ndabelwe ubusuku beenzingo.

4 Xa ndilalayo ndithi: ‘Yaz'ba kuya kusa nini na?’Nobo busuku ke busuka bube bude gqitha,ke mna ndibe ndimbola-mboleka kude kuse.

5 Umzimba wam wambethe iimpethu nothuli;ulusu lona lucandekile, luyabhidla.

6 “Imihla yam ikhawuleza okomatshini wokuluka;iya kufikelela esiphelweni ingaginyisi mathe.

7 Khawukhumbule ke, kuba ubomi bam bunjengomphunga;amehlo am akasoze aphinde akubone okuhle.

8 Nâbo bandibonayo ngoku soze babe sandibona;ndiya kuphel' emehlweni undijongile.

9 Njengokuqhabalakana nokunyamalala kwamafuunjalo ofayo, akaphindi abuye.

10 Akaphindi eze ekhayeni lakhe,angabi sazana nendawo yakhe.

11 “Hayi khona, andiyi kuthi cwaka!Ndiya kuwuphalaza umva-ndedwa wam, ndikhale ndibindekile!

12 Ngani ke ukuba ude undimisele umlindi?Ngaba ndilulwandle, okanye isilo solwandle?

13 Ndakulala ndiye ndicinge ukuba umandlalo wam wondithuthuzela,ndithi ubuthongo bondithomalalisa.

14 Kodwa wena usuka undirhwaqelise ngamaphupha;usuka undivingcele ngemibono.

15 Ndide ke mna ndikhethe ukukrwitshwa;kanye ndinyula ukufa kunokuphila kulo mzimba wam.

16 Ewe kambe, ndidikiwe bobu bomi;kakade andiyi kuphila ngonaphakade.Hayi ndiyekeni, kuba ubomi bam bunjengomphunga.

17 “Yaz'ba uyintoni na umntu, le nto umxabise kangaka;ngani ukuba umzondelele kangaka?

18 Ewe, yonke imihla uyamphicotha;ngayo yonke imizuzu uyamvavanya.

19 Hayi kaloku, khawuthi gu kancinci;khawundiyeke ndikhe ndiginy' amathe!

20 Ke ukuba ndiyona, ikukhathaza ngani loo nto, wena Malusi woluntu?Ngani ukuba ndibe selisweni lakho kangaka?Ngaba ndingumthwalo ongako kuwe?

21 Ngaba awungendixoleli na isono sam,ubulibale ubutyala bam?Kuba ke ngoku ndiza kulala kobandayo;uthi undifuna ndibe ndingasekho!”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42