Uyobi 9 XHO96

UYobi: UThixo sisilumko esibalasele ngamandla

1 Ke uYobi waphendula wathi:

2 “Ewe, ndiyazi ukuba kunjalo;kambe ke umntu angaphumelela njani xa emi enkundleni noThixo?

3 Noba ungade uzimisele ukuxoxa,awungebi nako ukuphendula nomnye kwiwaka lemibuzo yakhe.

4 Kaloku yena sisilumko esibalaseleyo ngamandla;akukho mntu unokumelana naye aze aphumelele.

5 Kaloku yena neentaba ezi usuka azisiphule zingazi zona;ewe, ngaloo ngqumbo yakhe usuka azibhukuqe.

6 Yena nomhlaba lo uyawugungxula,neentsika zawo zitsho ziqhaqhazele.

7 Nelanga uthetha nalo litsho lingaphumi,ke zona iinkwenkwezi uzigubungela zitsho zingaveli.

8 Nguye owawatwabululayo amazulu,waza wandolosa phezu kwawo amaza olwandle.

9 Nguye umenzi weendidi zeenkwenkwezi,oozibhere noomakroza, isilimela nomthala wasezantsi.

10 Yena ngumenzi wezinto ezinkulu ezingaphicothekiyo;kanti nemiqondiso yakhe ayinakubalwa.

11 Nokuba selegqitha ngakum andinako ukumbona;uthi tshe ndingaqondanga mna.

12 Khona selengade athathe into, ngubani ongamnqandayo?Akekho nongabuzayo athi: ‘Wenza ntoni ke?’

13 Kaloku uThixo akabuyi ngamva ngengqumbo yakhe;neentshaba zakhe ezazithelela uRahabhi isilo saselwandle wazinyhasha.

14 “Bendingubani ke mna ukuba ndingade ndiphendulane naye?Khona, ndingawazuza phi amazwi okuxoxa naye?

15 Nditsho sendimsulwa, andingeze ndamxoxisa;nto endingayenzayo kukuzibika ndimbongoze uMgwebi wam.

16 Nokuba sendizibika kuye, naxa angade andiphendule,anditsho ukuba angakuva ukuzithethelela kwam.

17 Kaloku yena undintlitha ngenzwinini yesaqhwithi,anditsho imivumbo ixananaze ngaphandle kwesizathu.

18 Akandiniki neli lokukhok' umoya ithuba,koko unditsho ndanengcwangu.

19 Xa kuthethwa ngamandla, nguye onawo;xa kuthethwa ngobulungisa, nguye onokundimangalela.”

UYobi: Andinabala, kodwa andizibaleli ntweni

20 “Ndimsulwa ndinjalo, kodwa ndigwetywa kwangumlomo wam.Nangona ndingade ndibe andinabala, yena angandifumana ndinetyala.

21 Ewe, andinabala, kodwa andizibaleli ntweni;nto nje ndikruqukile bobu bomi.

22 Kuba kaloku kuyafana;yiyo loo nto ke ndithi:‘Yena utshabalalisa bonke,abamsulwa ngokunjalo nezaphula-mthetho.’

23 Isithwakumbe sithi sakuzisa ukufayena aphoxise ngaso isibetho sabamsulwa.

24 Ihlabathi lisezandleni zezikhohlakali;ke bona abagwebi ubamfamekisile.Xa ingenguye ke uthi ngaba ngubani?

25 “Imihla yam ikhawuleza ngaphezu kwembaleki;ewe, ibaleka gqitha, ibe ke ayinayo nanto incomekayo.

26 Iphala njengesikhephe seengcongolo;ikhawuleza ngathi lukhozi lurhiwula ixhoba.

27 Noba sendisithi:‘Hayi, ngoku ndiza kukhe ndizingcwabe izikhalazo zam,ndibobotheke ndihlale ndizonwabele,’

28 ndisuka ndoyike ndibe namanwele,kuba ndiyaqonda ukuba wena akungeke undibalele njengongenatyala.

29 Ke, ukuba ndiza kugwetywa, ngani ukuba ndibe sazabalaza?

30 Noba ndingade ndihlambe ngekhephu,izandla zam ndizicoce ngesephu,

31 wena uya kundiphosa emhadini,nditsho ndibe rhono-rhono,kwankqu neempahla zam zingandamkeli.

32 “Ebengumntu na kakade ukuba ndibe ndiphendulane naye?Hayi, bendingeze ndime naye enkundleni!

33 Kaloku phakathi kwethu sobabiniakukho mlamli unokusahlula ngezandla zakhe.

34 Hayi bo! Khawumke noswazi lwakhokhon' ukuze ndingabi sankwantya ndisoyika isohlwayo.

35 Xa kunjalo ke ndingatsho ndithethe ndingenaloyiko,kodwa ngale ndlela izinto zimi ngayo ngoku andinako.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42