Uyobi 32 XHO96

UElihu: Phambi koThixo siyafana sobabini

1 Ke kaloku la madoda mathathu ade amncama uYobi, kuba yena wasuka wanje, esithi umsulwa yena.

2 Ke yena uElihu unyana kaBharakeli wendlu kaRam eBhuzi uthe akuyiqonda le meko wasuka wakhathazeka, kuba kaloku uYobi wayezenza ilungisa esola uThixo.

3 Futhi wakhathazwa nayinto yokuba ezi zihlobo zikaYobi zithathu zisuke zoyiswa kukuphendulana noYobi, zingabanga nako ukudandalazisa ubutyala bakhe, kodwa zimtyhola.

4 UElihu lo wayesalindele ukuthetha noYobi, kuba abanye aba babebadala kunaye.

5 Athe ke la madoda mathathu akuba selethethe koma umqala esoyiswa bubuciko bukaYobi, wakhathazeka,

6 wangenelela ke yena uElihu unyana kaBharakeli waseBhuzi, wathi:“Kambe ke ndiyimveku ngeminyaka,ke nina senikhulile, niziingwevu,nto leyo ke esuke yanditsho ndamathidala,ndoyika ukuphuhlisa olwam uluvo.

7 Ndithe: ‘Mandiyekel' iminyak' isiphakele.’Bendisithi: ‘Izilimela zingasiph' ubulumko.’

8 Kambe ke ngoku ndiyaqonda ukuba ngumoya osemntwini,ewe, lifuthe likaSomandla elimthi jize ngokuqonda umntu.

9 Hayi, abuyi ngaminyaka ubulumko,kungayi nangabudala ukuqonda imfanelo.

10 “Ngoko ke bekan' iindlebe, khe ndiniphakele;makhe ndinivakalisel' olwam uluvo.

11 Ewe, ndiniphulaphule xa beniphakula ubulumko benu;ndibuvisisile xa benidimbaza nigalela.

12 Bendiziindlebe ndonke xa benithetha;akukho namnye umchaniley' uYobi,kungekho namnye ukwaziy' ukuchan' amagama.

13 Ke nina sanukuthi: ‘Sibuzuzile ubulumko.’Kaloku nguThixo yedwa ongaphendulanayo noYobi, hayi umntu.

14 UYobi ubebhekisa kuni, ingekum.Kambe ke bendingamphenduli njengani mna.

15 “Hayi, Yobi, bathethe kom' umqala;kungokunje basik' umlomo.

16 Mandithini na ke mna?Uthi mandithi cwaka kuba nabo bethule?Ewe, nâbo bethe bhuxe, inkukw' isik' umlomo!

17 Hayi bo! Nam makhe ndenze owam umda,ndiluvakalise nolwam uluvo.

18 Hayi, mna andisenakuzibamba ndithi cwaka,kuba kuninzi ukuthetha kum.

19 Hayi, ngenene ndifana nemvaba yewayini ebila ingavulwanga –xa ndingaphokozi ndosuka ndigqabhuke.

20 Ewe, manditheth' ukuze kuthi qabu;mandiwuvule umlomo wam ndiphendule.

21 Mna andiz' ukuceng' usolala phi,ndiza kutheth' utyhatyhiwe ndingalalanisi.

22 Kambe akunto yam ukulalanisa;xa bekunjalo uMdali wam ebengandicim' igama ngoko nangoko!

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42