Uyobi 21 XHO96

UYobi: Ngani ukuba abakhohlakeleyo babe nenkqubela?

1 UYobi ke waphendula wenjenje:

2 “Khanibek' iindlebe nindiphulaphule;leyo ke yoba yeyona ntuthuzelo kum.

3 Khanindinyamezele nam ndikhe ndithethe;emva koko ke ningaqhubela phambili niphoxise.

4 “Ke mna ndifanele ukukhathazeka;kaloku andixabananga nomntu nje.

5 Jongani kum: niya kumangaliswa,nibamb' ongezantsi.

6 Nam ndithi ndakuyicinga le nto indihleleyo ndisuke ndikhwankqiswe,ndize ndifikelwe kukungcangcazela komzimba.

7 Ngani ukuba abakhohlakeleyo bayizuze inyhweba yokukhula bade babe badala,baxhamle ukomelela nenkqubela?

8 Bakhula babe nabantwana nabazukulwana;ewe, baba nenyhweba yokusibukela isizukulwana sabo.

9 Emizini yabo bonwabile, abakhathazwa nto;uThixo akabayekeli ngezibetho.

10 Kubo iinkunzi ziyazizalisa iimazi, zingashiyi nanye;ibe ke neemazi zabo ziyazala zingaphunzi.

11 Owabo umlisela utaka-taka ngokwamatakane;abantwana babo bayadloba-dloba.

12 Ungafika bememelela bekhatshwa ziintambula neengqongqo;bangqungqa benemincili bebetha iifluthi.

13 Obabo ubomi babudla ngentlutha nenzolo,baze bathi nyubelele baye kutshona kwelemimoya ngaphandle kwamagingxi-gingxi.

14 Izikhohlakali zithi kuThixo: ‘Suka kuthi!Asinamdla wakuzazi iindlela zakho.’

15 Zisuka zithi:‘Kuxa engubani yena uSomandla ukuba singade simbuse?Khona, nzuzoni esiyifumanayo ngokumnqula?’

16 Kambe impumelelo yazo ayixhomekekanga ezandleni zazo.Mna andihambisani necebo lâbo bantu bakhohlakeleyo.

17 “Kukangaphi isibane sesikhohlakali sicinywa?Kukangaphi zingundaniselwa zizibetho?Andithi na kaloku uThixo abakhohlakeleyo ubahlomlela ingqumbo yakhe,

18 aze abavuthele baphephetheke njengengca enqunqiweyo,bavuthuluke njengomququ unyuka nesaqhwithi?

19 Ngaba uThixo usibekela abantwana isohlwayo sabazali?Hayi bo; makohlwaye abo bonileyo ngokwabo,khon' ukuze nabo baqonde.

20 Abo bonileyo mabaxhamle isohlwayo,basele ingqumbo kaSomandla.

21 Kakade ke, umntu uwukhathalele ngani umzi wakhe xa yena engasekho,xa iinyanga zakhe azibalelweyo kobu bomi seziphelile?

22 “Ngubani ongafundisa uThixo ulwazi?Nezithwala-ndwe zaphezulu zisesandleni sakhe nje!

23 Bambi bafa bethe gabhu kwintlala-kahle nenkqubela;bafa bengazele nto bekhuselekile.

24 Ewe, bafikelwa kukufa iimvaba zabo zizele ngamasi;nangokwasempilweni bayimiqaba-qaba.

25 Ukanti ke bambi bafa benxunguphele,bengazange bayive nokuyiva intlala-kahle.

26 Kambe ke bonke bayafa bangcwatywe,baze ke babe lixhoba leempethu.

27 Ewe, ndiyakubona ukuyila kweengqiqo zenu,ngokunjalo naloo mayelenqe niwayilayo ukuchasana nam.

28 Niyawaza kubuza ke nithi:‘Uphi umzi wesikhulu xa kunamhlanje-nje?Iphi loo ndlu sasiyenzela kuyo inkohlakalo?’

29 Ngaba anikhe nibuze na kwabalikhenkethileyo ilizwe?Ke, ngaba anikayiqondi ingxelo yabo?

30 Le yokuba ngomhla wesithwakumbe isikhohlakali siyasinda,sihlangulwe kuyo ingqumbo!

31 Akukho mntu ujongana naso asimangalele,kungekho bani usibuyekezayo ngezenzo zaso.

32 Sisiwa emangcwabeni,lilindwe ingcwaba laso.

33 Amagada entlambo alala athi ncwaba phezu komzimba waso.Bonke abantu bayasilandela ukuya apho;kanti sandulelwe linani elingenakubalwa.

34 “Ningathini ke ukufuna ukundithomalalisa ngamazwi alambathayo?Zonke iingxoxo zenu bubuvuvu obungeyonyaniso.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42