Uyobi 34 XHO96

UElihu: UThixo akayenzi inkohlakalo

1 Ke uElihu utyatyadule wenjenje:

2 “Hoyina, nani nina zilumko;khanibek' iindlebe, nani zingqondi!

3 Ukutya kungcanyulwa lulwimi,ke yona intetho iviwa ziindlebe.

4 Makhe sikhethe oko kulungileyo;ewe, masiphicothe oko kufanelekileyo.

5 “Kaloku uYobi uthi: ‘Ndimsulwa,kodwa uThixo undivimb' ubulungisa.

6 Nangona ndinyanisekile, ndiphathwa okwexoki;nangona ndingenatyala, utolo lwakhe lundingxwelerhile.’

7 Wakha wakho phi ofana noYobi lo,osoloko ehlalele ukuphoxisa,

8 umnt' osoloko ethene mbende nabenzi bobubi,ohlal' eqhogene nezikhohlakali?

9 Kaloku yena uthi:‘Akumncedi lutho umntuukuzimisela ukukholisa uThixo.’

10 “Kambe ke ndiphulaphuleni, zingqondi:kukude lé kuThixo ukwenza ububi,kuSomandla ukwenza ubugwenxa.

11 Kuye umntu uvuna loo nto ayilimileyo;umntu umphatha ngokwehambo yakhe.

12 Hayi bo, uThixo akayenzi inkohlakalo;uSomandla akabugqwethi ubulungisa.

13 Kakade ngubani owammiselayo ukuba alawule ihlabathi?Ngubani owambeka ukuba alongamele lonke elimiweyo?

14 Xa ebenokusuka azimiseleawunqamle umoya wakhe nempefumlelo yakhe

15 konke okuphilayo kungasuka kutshabalale,noluntu lonke lubuyele kwaseluthulini.

16 “Ngaba uyaqiqa na – phulaphula ke!Bek' iindlebe ndithethe.

17 Umchasi-mthetho angalawula njani?Ke wena ungamgweba njani uThixoeyingangalala yelungisa nje?

18 Kaloku nakukumkani yena unokuthi: ‘Awunto yanto;’aze kwizidwangube athi: ‘Nizizinto ezikhohlakeleyo.’

19 UThixo akakhethi buso nakumatshawe;nesityebi akasilungiseleli ngaphezu kwehlwempu;kaloku bonke bangumsebenzi wezandla zakhe.

20 Bafa ngephanyazo ezinzulwini zobusuku;bayagungqiswa abantu, bafe;kwanezihandiba ziyawa zingawiswanga mntu.

21 “Kaloku yena uzijongile iindlela zabantu;uwabona onke amanyathelo abo.

22 Kaloku akukho thunzi nantsunguzi yabumnyamaapho abenzi bobubi bangazifihla khona.

23 KuThixo akuyomfuneko ukubancwina ngakumbi abantuxenikweni ebasa ematyaleni.

24 KuThixo akukho mfuneko yaluphandoxa abakhiqayo abasezintanjeni,aze amisele abanye ezikhundleni zabo.

25 Kaloku uyazazi izenzo zabo;ubabhukuqa ngobusuku babhange.

26 Xa sukuba ebohlwaya ngenxa yobugwenxa babo,loo nto uyenza esidlangalaleni.

27 Andithi na kaloku basuke bakreqa,ababi sazikhathalela iindlela zakhe?

28 Ohlelelekileyo bamtsho wazibika kuThixo,waza ke yena wasiva isikhalo sabasweleyo.

29 Xa athe cwaka ngubani ongamgwebayo?Naxa efihle ubuso bakhe ngubani ongambonayo?Nguye ngokwakhe olawula uluntu nezizwe,

30 ukuze athintele isikhohlakali ekulawuleni,singababekeli umgibe abantu.

31 “Ukuba ngaba umntu ebenokuthi kuThixo:‘Ndikuvukele, kodwa andiyi kuphinda ndone.

32 Ndifundise oko ndingenako ukukubona.Ukuba ndenze ubugwenxa andisayi kuphinda ndenjenjalo.’

33 Ngaba uThixo uthi useza kumohlwayangenxa yokumvukela kwakhe?Zikhethele ngokwakho, ingabi ndim.Into oyaziyo yithethe.

34 “Kambe ke iingqondi zosuka zithi,ewe, izilumko zona zingathi:

35 ‘UYobi uthethiswa kukungazi;ewe, akathethi, koko uyabhibhidla.’

36 Akwaba uYobi ebenokucikidwa ngokupheleleyo,kuba impendulo yakhe ifana neyendoda ekhohlakeleyo.

37 Ewe, esi sono sakhe uyasandisa,kuba kaloku usuka adlongozele,aqhwabe ngolunya izandla zakhe phakathi kwethu,atheth' umlembelele ngoThixo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42