Uyobi 18 XHO96

UBhildadi: Sisikhohlakali esihlelwa ngumonakalo

1 Kwesi sithuba ke kuthathise uBhildadi, umfo waseShuwa, wenjenje:

2 “Koda kube nini untyuntya?Hayi bo, khawubuyel' ezingqondweni, nathi ke sithethe!

3 Kutheni ukuba usiphathe okwezilwanyana?Ngaba usibona siziziyatha ezinjalo?

4 Uyazenzakalisa ngalo msindo wakho.Ngaba umhlaba mawujike ube yinkangala ukungqinela ukunyaniseka kwakho?Uthi makudilik' amawa ezindaweni zawo?

5 “Hayi kaloku, isibane sesikhohlakali siza kucinywa,futhi ke nelangatye laso soze liphinde livuthe.

6 Ukukhanya kuya kujika kube bubumnyama endlwini yaso;ewe, isibane saso siya kucinywa.

7 Siza kuphelelwa kukunyantsula,sikhutyekiswe kwalelaso iqhinga.

8 Iinyawo zaso ziya kugaxeleka kwisabatha,size sigxalathelane siye kuthi gxwa emhadini.

9 Umgibe wosuka usithi hlasi ngesithende,usiqhoge usibambe ntshilikithi!

10 Kaloku sibekelwe isabatha emhlabeni,sacutshelwa unoxhaka endleleni yaso.

11 Lo mntu urhwaqeliswa zizoyikiso ngeenxa zonke;zimthe mbende zimpheka zimophula.

12 Inkxwaleko imlambele;uhlala ezingelwa sisithwakumbe.

13 Uthiwe mome sisifo esilenceza ulusu lwakhe;ewe, kanye izibulo lokufa limgrenya amalungu omzimba.

14 Woqwengelwa apho kwelo nqugwala liyinqaba yakhe,suka ukufa kumqweqwedisele kwikumkani yezoyikiso.

15 Akukho nto iyeyakhe iya kusala kwelo nqugwala lakhe;kaloku isulfure evuthayo iya kusasazeka phezu kwalo.

16 Phants' apha iingcambu zakhe ziya koma,kanti ke wona amasebe akhe atshaze phezulu phaya.

17 Udumo lwakhe luya kutshitsha elizweni,negama lakhe lilibaleke ehlabathini.

18 Wogxothwa kweli lizwe lokukhanya, akhatshelwe ebumnyameni;ewe, uya kunikw' uphum' aphele kwelimiweyo.

19 Akayi kushiya mlibo nanzala phakathi kwamawabo;ngenene akayi kushiya nempunde le kwelakowabo.

20 Abasentshona bothi bakuyiva le ntlekele bakhamnqe;kanti ke abasempuma bothi bakuva ngesi sibetho batsho babamb' ongezantsi!

21 Kuya kuba njalo ke kwindlu yesikhohlakali.Ewe, injalo indawo yongamkhathalelanga uThixo!”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42