Uyobi 3 XHO96

UYobi uqalekisa umhla awazalwa ngawo

1 Emva koko ke uYobi wathetha wawuqalekisa umhla awazalwa ngawo.

2 Ewe, uYobi uvakele esithi:

3 “Ngamana zange wathwasa umhla endazalwa ngawo;nditsho nobo busuku apho kwathiwa: ‘Namhlanje kukhawulwe indoda!’

4 Akwaba loo mini yayingumnyam' ombonde-mbonde;mini leyo noThixo kweliphezulu angayihoyanga;mini ingazange yabonana nokukhanya!

5 Ngeyambathiswe sisiphitha-nyongo sobumnyama;ngeyisityekelwe ziingqimba zamafu.Loo mini ngeyirhwaqeliswe sisithokothoko sobumnyama;

6 nobo busuku ngebambathiswe sisithokothoko,suka àbabalelwa kwimihla yonyaka,àbakhankanywa phakathi kweentsuku zeenyanga.

7 Ewe, akwaba obo busuku babuludlolo;akwaba kwakungavakalanga kumemelela kubo.

8 Iinkintsela zokuqalekisa imihla ngeziyiqalekisile loo mini;ngeziyifunze ngengwenya.

9 Iinkwenkwezi zangorhatya ngezimnyama;loo mini ngeyilindele ukusa kodwa kungaze kufike,nomsobomvu ungaze uthi chapha!

10 Kaloku ayizivalanga iingcango zesizalo esandizalayo,ayandiphephisa kule nkxwaleko ndikuyo.

11 “Kwakungani ndingafi ndingekazalwa nje,okanye ndife ndisazalwa?

12 Ngani ukuba uma andisingathe emadolweni?Khona, kwakutheni ukuba andincancise ibele?

13 Kuba xa bekungenjalo, ngendalala ndazola;ewe, ngendiphumle kobandayo,

14 ndawonye nezikumkani namaphakathi,lawo awavusayo amanxuwa;

15 ngoku ngendikunye namatshawe,azindlu zazizele yigolide nesiliva.

16 Ngani ukuba ndingafihlwanga njengomphunzo,njengemveku engalibonanga ilanga?

17 Kaloku apho nezikhohlakali azikhathazi mntu,nabadiniweyo baxhamla ukuphumla.

18 Khona amabanjwa azonwabele;ahlukene nokungxoliswa yinduna yawo.

19 Apho bandawonye abaphakamileyo nabaphantsi,nkqu nekhoboka likhululekile kumninilo.

20 “Ngani ukuba abaza kubandezeleka balibone ilanga,abangcungcuthekayo babudle ubomi?

21 Bona balangazelela ukufa, kungafiki noko;bakuzingela ngathi bafuna ubutyebi.

22 Abavuyi bayachulumacha,bachwayitile xa bedibana nengcwaba.

23 Ngani ukuba balibone ilanga abandlela imfiliba,abo babiyelweyo nguThixo?

24 Kuba ukutya kwam yincwina;ukugcuma kumpompoza njengamanzi.

25 Kuba ndihlelwa zezo zinto zindinkwantyisayo;ezindinxunguphalisayo zezona zindihlelayo.

26 Andinako ukuzola, ndingenako nokonwaba;Andifumani kuphumla, kuba ndasoloko ndijijitheka.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42