Uyobi 2 XHO96

UYobi uyavavanywa kwakhona

1 Kwakhona kwathi kwakufika usuku lokuba izidwangube zakwaThixo zihlanganisane phambi *koNdikhoyo noSathana wabakho phakathi kwazo ukuze avele phambi koNdikhoyo.

2 UNdikhoyo wathi kuSathana: “Uvela phi wena?”Ke yena uSathana wamphendula uNdikhoyo wathi: “Ndivela ekubhaduleni, ndisihla ndinyuka, ndijikeleza ehlabathini.”

3 UNdikhoyo wathi kuSathana: “Usiqondile kodwa isicaka sam uYobi? Akakho onjengaye ehlabathini liphela. Yena ngumfo othembekileyo ongenabala, indoda emhlonelayo uThixo, eyicezelayo into embi. Nangoku usabambelele ekuthembekeni kwakhe, nangona wena undixhokonxele ekubeni ndimonakalisele ngaphandle kwesizathu.”

4 USathana ke wamphendula uNdikhoyo wathi: “Hayi kaloku, isikhumba ngesikhumba! Umntu angancama yonke into anayo ngenxa yobomi bakhe.

5 Nangoku ungathi ukhe wolula isandla sakho wamchukumisa enyameni nasemathanjeni akhe, angakushwabulela nawe lo.”

6 UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, nanko ndimnikela esandleni sakho; nto nje uze ungabuchukumisi ubomi bakhe.”

7 USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo, wafika wabetha uYobi ngamathumba oyikekayo athi tshitshilili ukuqalela elunyaweni ukuya kutsho entloko.

8 Ke kaloku uYobi wahlala eluthuthwini, wathatha iceba lembiza, wazonwaya ngalo.

9 Inkosikazi yakhe yathi kuye: “Nangoku usabambelele kule ntembeko yakho? Mqalekise lo Thixo, ufe kube kanye!”

10 Ke yena wamphendula wathi: “Ukuthetha kwakho nqwa nokomfazi ongaqiqiyo! Kakade, uthi masiyolelwe zizinto ezintle zodwa esiziphiwa nguThixo, singazamkeli ezimbi?”Kuyo yonke le ntlekele uYobi zange one ngomlomo wakhe.

UYobi uhanjelwa zizihlobo

11 Ke uYobi wayenezihlobo ezithathu ezathi zeva ngayo yonke le nkxwaleko emhleleyo. Yaseso isihlobo ke seza sivela kowaso umzi, inguElifazi waseTeman, uBhildadi waseShuwa, noZofare waseNama. Zazivumelene ngento yokuba ziye kumkhuza uYobi, zimthuthuzele.

12 Ke kaloku zathi zisemgama zambona uYobi, phofu ke azamazi. Kambe ke zathi zakumqonda zangqukruleka zalila, zakrazula iminweba yazo, zizigalela ngothuli entloko, ziphosa uthuli emoyeni.

13 Ke kaloku zahlala naye apho phantsi iintsuku ezisixhenxe nobusuku bazo kungekho nasinye sithetha naye, kuba zazibona ukuba umva-ndedwa wakhe mkhulu gqitha.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42