Uyobi 19 XHO96

UYobi: Ndiya kumbona uThixo

1 Ke kaloku waphendula uYobi wathi:

2 “Yaz'ba koda kube nini na nindingcungcuthekisa,nindaphula nindikroboza ngamazwi?

3 Kunini niphoxisa ngam!Aninantloni ukundihlasela kangaka?

4 Khona sekusithiwa ndonile,ningena phi ke nina?

5 Eyona nto ngoku niyandivuyelela;kuni ezi nkathazo zam zibonisa ubutyala bam.

6 Anisaboni ke nina ukuba nguThixo lo undifake kule ngxingwa?Ewe kaloku, nguye ondigubungele ngomnatha.

7 “Ndiba ngakhwaza ndisithi: ‘Ugonyamelo!’andifumani nokuhoywa oku!Futhi ndibe ngazibika,akukho bani undilamlelayo!

8 Yena uyivalile indlela yam ukuze ndingabi nakugqitha.Iindlela zam uzithe zinzi ngobumnyama.

9 Yena undihlube iwonga lam,wandihlutha naloo ntshinga bendinayo.

10 Undidilize macal' onke, ndee shwaka,walincothula njengomthi ithemba lam.

11 Ingqumbo yakhe uyijolise kum;undiphethe njengolona tshaba lwakhe.

12 Undikhuphele umkhosi wakhe;undimbela izikanisi zokundihlasela;ujikeleza umzi wam.

13 Unditsho ndabalekwa nangabantakwethu;xa kungokunje nezihlobo zam ezi zihambela phaya!

14 Okwakuzizalamane zam zindishiyile,ngokunjalo nabazalana nam bandilibele.

15 Abo babeziindwendwe zam abasandikhumbuli,nezicakazana zam azisandazele nto,sendithathwa njengowasemzini.

16 Ndakusibiza isicaka sam, asisabeli nokusabela oku,nditsho nokuba ndiyasicenga.

17 Kanti nomfazi wam weenkomo selekhutyekiswa kukuphefumla kwam;sendiliqaqa nakwabesizalo sikama.

18 Sendidelwe nangabantwana aba bembala;bathi ndakuthi gqi bakrukrutheke yintsini.

19 Endandikade ndilala ngengub' enye nabo, bayandicaphukela;ukanti nâbo ndibathandayo bandivukele.

20 Izihlunu zam sezithe nca emathanjeni,nolusu lwam sendilonwaya ngamazinyo.

21 “Hoyina! Hoyina, balingane bam; khanibe nebuya-mbo!Kaloku sisandla sikaThixo esi sindenze ndanje!

22 Ngani ukuba nani ninditshutshise njengoThixo?Hayi kaloku, noko ngoku sekwanele!

23 Akwaba ebekho owabhalayo la mazwi am;akwaba ebeshicilelwe encwadini!

24 Ngenene akwaba la mazwi ebekrolwe elityeni ngentsimbi ebukhali nangelothe,khon' ukuze ahlale ehleli nanini nanini!

25 Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini.

26 Nokuba ulusu lwam lungade ludlavulwe sesi sifo,noko uThixo yena ndiya kumbona ndidlavuke ndinjalo!

27 Ewe, ndiya kumbona ngala wam amehlo,indim, ingenguye wumbi.Loo nto ndiyilangazelela ngomxhelo wam wonke.

28 Ke nina nisuka nithi:‘Hayi ukungcungcutheka kwakhe!Yabe ingcambu yaloo nto ikuye ngenkqu.’

29 Kambe ke lilumkeleni ikrele elifunza kuni,ikrele lengqumbo kaThixo ngenxa yesono;liya kunenza niqonde ukuba ukhona umgwebi.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42