Uyobi 42 XHO96

UYobi: Ndiyazisola

1 Ke kaloku uYobi uphendule *uNdikhoyo wenjenje:

2 “Ewe, ngoku ndiyaqonda ukuba wena unako ukufeza konke;konke okucebayo wena unako ukukwenza.

3 Bendingubani ukufuna ukulenza mfiliba icebo lakho, ndingenalwazi nje?Ngenene ndigabadele, ndithethiswa kukungaqondi;ndithethe ngemimangaliso nezinto ezinkulu kunam.

4 “Uthe kum: ‘Phulaphula,mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.’

5 Ngoko bendikwazi nje ngokuva ngeendlebe,kambe ke ngoku ndikubonile ngala wam amehlo.

6 Ngenxa yale nto ke ngoku ndiyazisola;ewe, ndiyaguquka; ndiseluthulini naseluthuthwini.”

UNdikhoyo: UYobi uya kunithandazela

7 Emva kwale ntetho *kaNdikhoyo noYobi uNdikhoyo ubhekise kuElifazi waseTema, wathi: “Umsindo wam uyavutha kuwe nakubahlobo bakho ababini, kuba anithethanga nto iyiyo ngam njengesicaka sam uYobi.

8 Ngoko ke thathani iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezikwasixhenxe, niye nazo kwisicaka sam uYobi, nizenzele idini elitshiswayo. Ke yena uYobi isicaka sam uya kunithandazela; ibe ke mna ndiya kuwamkela loo mthandazo wakhe, ndinganiphathi ngokobudenge benu. Kaloku nina anithethanga nto iyiyo ngam njengoko enzileyo yena uYobi isicaka sam.”

Isiphetho

9 Ngenene ke uElifazi waseTeman noBhildadi waseShuwa noZofare waseNama benza ngokomlomo *kaNdikhoyo, waza ke yena wawamkela umthandazo kaYobi.

10 Akuba ke uYobi ebathandazele abahlobo bakhe kuNdikhoyo, uNdikhoyo waphinda wambuyisela uYobi kundalashe. Ewe, ubutyebi bakhe wada wabuphinda-phinda.

11 Abantakwabo noodade bakhe, ngokunjalo nâbo babemazi ngaphambili, beza, batya kunye naye emzini wakhe. Bavelana naye, bamkhuza bemthuthuzela ngenxa yesithwakumbe awayebethwe ngaso nguNdikhoyo. Bonke ngabanye ngabanye bamnika imali nomsesane wegolide.

12 Ke kaloku uNdikhoyo walithamsanqela ikamva likaYobi nangaphezu kokuba wayenzile kubomi bakhe bangaphambili. UYobi waba neshumi elinesine lamawaka eegusha, isithandathu samawaka eenkamela, amawaka amabini eenkabi zeenkomo newaka leedonki.

13 Waphiwa isixhenxe soonyana neentombi zantathu.

14 Eyokuqala yayinguJimayima, kweza uKeziya, eyesithathu ke yanguKeren-hapuka.

15 Kulo lonke ihlabathi akukho ntombi yayifika kwezo ntombi zikaYobi ngobunzwakazi. Nazo ke uyise wazinika ilifa kwanjengabantakwazo.

16 Emva koku ke uYobi wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi amane. Ewe, wada wabona abazukulwana nabantwana babo kwada kwaya kuthi xhaxhe ngesesine isizukulwana.

17 Ke kaloku uYobi wafa seleyingwevu, iminyaka selihambile.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42