Uyobi 6 XHO96

UYobi: Ngokwam andinawo amancedo

1 Ke yena uYobi waphendula wathi:

2 “Akwaba iinkxwaleko zam beziveyishwe kakuhle,iinzingo zam zalinganiswa esikalini.

3 Ubunzima bazo bebuya kudlula nakobentlabathi yaselwandle;ewe, yiyo loo nto amazwi am asuke aba rhabaxa.

4 Kaloku iintolo zikaSomandla zindibinzile,ubuhlungu bazo butyhutyh' umzimba;izoyikiso zikaThixo zindiphahlile.

5 Ngaba likhe likhonye na iqwarha ikho ingca eluhlaza?Khona, yona inkomo uthi inganxakama zikho iindiza?

6 Into emtyuba ingatyiwa na ngaphandle kwetyuwa?Inayo na incasa incindi yomxoxozi?

7 Mna ukutya okunjalo andikuchukumisi;ndingathi khe ndayenza loo nto kubuye.

8 Akwaba uThixo angandiphendula,awufezekise umnqweno wam

9 wokuba uThixo avume ukundixusha,asiyekele isandla sakhe, abunqamle ubomi bam.

10 Into enjalo ke ingandithuthuzela;ewe, naphakathi kweentlungu ndingavuya ndichulumache,kuba andizange ndaphikisana namazwi alowo uNgcwele.

11 “Ngaba ndisenawo na amandla okuqhubela phambili ndiphila?Khona, siphelo sini sona eso ukuba ndingade ndinyamezele?

12 Bendililitye na kakade?Ngaba ndisisinyithi?

13 Ngenene mna ngokwam andisenawo amandla okuzinceda,futhi nempumelelo yam ndiphuncukene nayo.

14 “Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla.

15 Kambe amawethu anobuqhokolo,afana nentlambo emanzi atshayo.

16 Iba namanzi amdaka anomkhenkce,apho linyibilikela khona ikhephu,

17 kodwa lithi lakubalela aphele,lakuba shushu asuke ome qoko!

18 Iinqwelo ziyaphambuka endleleni yazo, ziye kuyo,kodwa zifike zife namthanyana kuba kusenkangala.

19 Iinqwelo zaseTema zikhangela amanzi,nabahambi baseShebha baphunguza benethemba.

20 Kambe ke basuka badane ngenxa yelo themba labo,kuba bathi bakuya kule ntlambo bafike baphoxeke.

21 “Ngoku ke nani ninjalo,kuba nithe nakusibona isibetho endisifumeneyonasuka nathi rhubaxa noyika.

22 Ngaba ndikhe ndathi kuni: ‘Ndipheni into,’okanye ndathi: ‘Khanindinyobele ubani ngaloo ndyebo yenu’?

23 Ngaba ndikhe ndathi: ‘Ndihlanguleni esandleni sotshaba,’okanye ndathi: ‘Ndihlawuleleni koongalo-nkulu’?

24 Hayi ke, khanindifundise; ndothi cwaka!Ewe, ndiboniseni apho ndiphambuke khona!

25 Kambe ke wona amazwi athe ngqo aluncedo;ukanti ke ezi ngxoxo zenu ngaba ziphuhlisa ntoni?

26 Ngaba nifuna ukulungisa oko ndikuthethileyo,amazwi omntu oselencamile niwenze intetho engumoya?

27 Nina nixolele ukwenza amaqashiso nangenkedama,nisenge inzuzo nangesona sihlobo senu.

28 “Kambe ke ngoku khanindijongisise,kuba andisoze ndinixokise ndijongene nani.

29 Ngoku ndiyanithandaza, khanibuyeke ubugqwetha;sanukundisingela phantsi – ndililungisa kule nto.

30 Ngaba nithi kunesikhwa na ukuthetha kwam?Nithi andisakwazi ukwahlukanisa phakathi kokubi nokuhle?”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42