Uyobi 13 XHO96

1 “Hayi kaloku, zonke ezi zinto sendikhe ndazibonangala wam amehlo;ewe, ndizivile ngezi zam iindlebe, ndaye ke ndiziqonda.

2 Zonke ezi zinto nizaziyo nam ndiyazazi;anindidlule nganto.

3 Kambe ke mna okunokwam ndifuna ukuthetha noSomandla,ndiwaneke ndiwuxoxe naye lo mcimbi.

4 Ke nina nilibele kukugquma inyaniso ngobuxoki;nifana nqwa neqithilili logqirha ongenakunyanga mntu.

5 Akwaba beningathi cwaka;oko kuthula kwenu bekungaba bobona bulumko benu.

6 Khaniphulaphule xa ndixoxayo,nive ukuzithethelela kwam.

7 Nicinga ukuba ningakuThixo, nide nikhuthaze intswela-bulungisa nje?Nithi ninceda yena ngale nkohliso?

8 Ngaba nizama ukuthatha icala ngenxa yakhe?Nifuna ukuthethela uThixo?

9 Nithi kunganjani xa anokuthi anigoca-goce?Mhlawumbi naye nithi ningamkhohlisa ngale ndlela nibakhohlisa ngayo abantu?

10 Inene, uya kunohlwaya,ukuba nenza isheyi ngokufihlakeleyo.

11 Ewe, ubungangamsha bakhe buya kunirhwaqelisa,nonganyelwe kukunkwantya.

12 Kaloku ezi zangotshe zenu zifana nelahle elinothuthu;zaye ke nezi ngxoxo zenu ziya kusumka ngathi ludongwe.”

UYobi: Mandiyandlale kuThixo imeko yam

13 “Sukan' apha! Khanindiyeke ndithethe utyhatyhiwe,yehl' ehlayo!

14 Ngoku ndiza kuzibeka esichengeni,ubomi bam bube semngciphekweni.

15 Noba selengade andigwinte andikhathali;kodwa ukuxoxa oku ke kona ndiza kuxoxa,ndiyandlale kuThixo imeko yam!

16 Mhlawumbi le nto yeyona ingandisindisayo,kuba ke akukho saphula-mthetho singade sibe nokujongana naye.

17 Khanibaz' iindlebe nindiphulaphule,niyiqwalasele ingcaciso yam.

18 Hayi ke, ngoku sendiqule ndaligangatha;futhi ndiza kuyibeka imeko yam, ndixoxe ndiphume phambili.

19 Ngaba ukhona na ongabambana nam?Kuba xa kunjalo ndothi cwaka ndife.

20 “Masivumelane ngezi zinto zimbini, Thixo,ukuze ndingabi sazama kuzifihla kuwe.

21 Sirhoxise kum isandla sakho, sahlukane nam;mandingabi sahlala ndirhwaqele ndisoyika wena.

22 Uze uthethe, ndiya kukuphendula;okanye kuya kuthetha mna, ke wena uze undiphendule.

23 Bungakanani na ubugwenxa bam nesono sam?Ndazise ubutyala nokona kwam.

24 Ngani ukuba undifulathele,undithathe njengotshaba?

25 Ngoku sowusukelisana negqabi eliphephethekayo?Uhlasela inkintshi-nkintshi yomququ?

26 Kaloku undimangalela ngezityholo ezinzima;ude undityabeke ngobutyala bam basebuntwaneni.

27 Iinyawo zam uzikhonkxa ngezikhuni;uyazigqala zonke iindlela zam,uzicandele umda iintende zeenyawo zam.

28 Ngenxa yoko ndivuthuluka njengevithi;sendifana nempahla edliwe ngamanundu.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42