Uyobi 24 XHO96

UYobi: UThixo akazisi enkundleni izikhohlakali

1 “Ngani ukuba uSomandla angalimisi ixesha lokugweba?Kutheni ukuba nâbo bamaziyo bangayiboni loo mini?

2 Abantu bayawushenxisa umlima-ndlela.Ewe, beba iigusha bazifuye emadlelweni.

3 Bayayohlutha idonki yenkedama;babambisa ngenkabi yenkomo yomhlolokazi.

4 Amahlwempu bayawagila aphume endleleni,babanyanzelisele ekuzimeleni abaziintsizana belizwe.

5 Ewe, abahlelelekileyo bavuka kusasa, bexelengela ukutya kwabo,oku kweqwarha elibhadula ezindle lifuna ukutya koozintlango;yinkqantosi kuphela ebonelela abantwana babo ngokutyiwayo.

6 Ukutya kwabo bakuvuna efusini,bakhwahlaze izidiliya zezikhohlakali.

7 Ebusuku balala ngengub' esele;abanazo iingubo zokubakhusela engqeleni.

8 Ezintabeni phaya iimvula zibatsho babe manzi tixi,bemana bezikhusela ngokuncathama emaweni.

9 Abakhohlakeleyo bathimba iintsana eziziinkedama ezisesebeleni;bathatha iintsana zamahlwempu zibe sisibambiso.

10 Ewe, amahlwempu ahamba ze engenampahla;athwala izithungu izisu zithe nca!

11 Akhama ioyile eminqumeni,axovule newayini ezidiliyeni;kodwa wona ngokwawo abe enxaniwe.

12 Ezixekweni kuncwina amadoda,iingxwelerha ziyahlahlamba zicela uncedo,kodwa yena uThixo akazisi enkundleni izikhohlakali.”

UYobi: Inkqubela yabakhohlakeleyo yeyexeshana nje

13 “Kukho abantu abangafunaniyo nokukhanya,abangafuni nokuziqonda iindlela zako,futhi bengahambisani nako mpela!

14 Izikrelemnqa zivuka ekuseni ziye kugebenga abahlelelekileyo,kuze kuthi kwakuhlwa zijike zibe ngamasela.

15 Ke bona abakrexezi balinda ungcwalazi,ufike sebefihl' ubuso, besithi: ‘Andiyi kubonwa.’

16 Ebusuku amasela aqhekeza izindlu,aze kwakuba semini azimele angafunani nokukhanya.

17 Isithoko-thoko sobumnyama sifana nemini kubo;ubusuku oboyikekayo bunjengomhlobo kubo.

18 “Isikhohlakali sikhukuliswa sisikhukula;amasimi asisabelo saso ashwatyulelwe,akusekho bani usebenzayo ezidiliyeni zaso.

19 Ikhephu liyanyibilika lakudibana nobushushu nembalela;ngokunjalo naboni bayavuthuluka kwelabafileyo.

20 Nditsho nonina uyamlibala;kaloku umemethwe ziimpethu, akabi sakhunjulwa.Ewe, isikhohlakali sinkumka oku komthi owomileyo.

21 Kaloku sona siphanga abafazi abaziindlolo,singabenzeli inceba abahlolokazi.

22 Ngamandla akhe uThixo uyazishenxisa izihandiba;ewe, uThixo uthi akusebenzisa amandla akhe zitsho ziphelelwe lithemba lokudla ubomi.

23 UThixo noba angaziyeka zihlale zithe zava,kodwa usoloko ezijongile ukusuka nokuhlala kwazo.

24 Abantu abakhohlakeleyo bahluma babe nenkqubela okwexeshana,kodwa yonke loo nto iphela ngokukhawuleza;bayadaka bafe njengamntu wonke,bayabuna oku kwesikhwebu sengqolowa esivuniweyo.

25 “Ngubani ongayiphikisayo le nyaniso?Makavele ongandiphikisayo, athi nditheth' amampunge!”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42