Uyobi 40 XHO96

UNdikhoyo: Wena omangalela uThixo, phendula

1 *UNdikhoyo uqhube wathi kuYobi:

2 “Ngaba ufuna ukubambana noSomandla,usalatha iimpazamo zakhe?Wena omangalela uThixo, phendula.”

UYobi: Ndosuka ndiwuthunge umlomo

3 Ke yena uYobi uphendule *uNdikhoyo wathi:

4 “Xa kungokunje ndiyaqonda ukuba andinto yanto.Ndingaba saphendula ndithini?Kungokunje ndidl' imu.

5 Ewe, ndithethe ndaphinda-phinda,kambe ke ngoku ndosuka ndiwuthunge.”

UNdikhoyo: Ngaba nawe womelele njengoThixo?

6 Ke *uNdikhoyo waphendula esesaqhwithini, wathetha noYobi wathi:

7 “Khawuqule, ume njengendoda;mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.

8 “Ngaba ufuna ukusisingela phantsi isigwebo sam?Ugweba mna ukuze wena ugwetyelwe?

9 Ngaba nawe womelele njengoThixo?Nelakho ilizwi lizongoma njengelakhe?

10 Xa kunjalo ke khawuvele uveth' isidima uzimasekile;khawuthi jize isihomo nesithozela.

11 Khawuphokoze loo msindo wakho,ubaphoxe abo bazigwagwisayo.

12 Ewe, badilize abo baqholosayo;ke zona izikhohlakali zinyhashele apho zikhoyo.

13 Xa zizonke zibandakanye uzingcwabe;zigqume zihlale kwelo labafileyo.

14 Xa kunjalo ke ndiya kuvuma,ndisithi unako ukuzisindisa ngawakho amandla.

15 “Imvubu le uyayiqonda?Njengawe nayo ndayidala;phofu yona injengenkomo, itya ingca.

16 Kambe ke, yeka – asimandla esinqeni sayo!Yinto emzimba unemisipha engwanyalala!

17 Yinto emsila ungqangqasholo okomsedare;ke zona izihlunu zemilenze ziphindene.

18 Amathambo ayo omelele njengobhedu;ewe, afana nemivalo yentsimbi.

19 Kuzo zonk' izidalwa ithe kratya ngokukhwankqisa;nguMdali wayo yedwa onako ukuyoyisa.

20 Ukutya kwayo kufumaneka ezintabeni phaya,apho zidloba-dloba khona izilwanyana.

21 Ungafika ingqengqe phantsi kwamatyholo akhula ngasemanzini,okanye izimele ezingcongolweni, emgxobhozweni phaya.

22 Ewe, iphumla emthunzini wamatyholo entlanjeni phaya,ufike ijikelezwe yimingcunube.

23 Yona ayiwoyiki umlambo ophuphumayo;ithi zole nakwiJordan elatyuza amanzi de abethe emlonyeni wayo.

24 Kodwa kodwa ngubani ongayihlaselayo?Ngaba uqale wayityhaphaza?Ngubani ongayithiyela ayithi qhoo ngaloo mpumlo?

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42