1 *UNdikhoyo uqhube wathi kuYobi:
2 “Ngaba ufuna ukubambana noSomandla,usalatha iimpazamo zakhe?Wena omangalela uThixo, phendula.”
3 Ke yena uYobi uphendule *uNdikhoyo wathi:
4 “Xa kungokunje ndiyaqonda ukuba andinto yanto.Ndingaba saphendula ndithini?Kungokunje ndidl' imu.
5 Ewe, ndithethe ndaphinda-phinda,kambe ke ngoku ndosuka ndiwuthunge.”
6 Ke *uNdikhoyo waphendula esesaqhwithini, wathetha noYobi wathi:
7 “Khawuqule, ume njengendoda;mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.
8 “Ngaba ufuna ukusisingela phantsi isigwebo sam?Ugweba mna ukuze wena ugwetyelwe?
9 Ngaba nawe womelele njengoThixo?Nelakho ilizwi lizongoma njengelakhe?
10 Xa kunjalo ke khawuvele uveth' isidima uzimasekile;khawuthi jize isihomo nesithozela.
11 Khawuphokoze loo msindo wakho,ubaphoxe abo bazigwagwisayo.
12 Ewe, badilize abo baqholosayo;ke zona izikhohlakali zinyhashele apho zikhoyo.
13 Xa zizonke zibandakanye uzingcwabe;zigqume zihlale kwelo labafileyo.
14 Xa kunjalo ke ndiya kuvuma,ndisithi unako ukuzisindisa ngawakho amandla.
15 “Imvubu le uyayiqonda?Njengawe nayo ndayidala;phofu yona injengenkomo, itya ingca.
16 Kambe ke, yeka – asimandla esinqeni sayo!Yinto emzimba unemisipha engwanyalala!
17 Yinto emsila ungqangqasholo okomsedare;ke zona izihlunu zemilenze ziphindene.
18 Amathambo ayo omelele njengobhedu;ewe, afana nemivalo yentsimbi.
19 Kuzo zonk' izidalwa ithe kratya ngokukhwankqisa;nguMdali wayo yedwa onako ukuyoyisa.
20 Ukutya kwayo kufumaneka ezintabeni phaya,apho zidloba-dloba khona izilwanyana.
21 Ungafika ingqengqe phantsi kwamatyholo akhula ngasemanzini,okanye izimele ezingcongolweni, emgxobhozweni phaya.
22 Ewe, iphumla emthunzini wamatyholo entlanjeni phaya,ufike ijikelezwe yimingcunube.
23 Yona ayiwoyiki umlambo ophuphumayo;ithi zole nakwiJordan elatyuza amanzi de abethe emlonyeni wayo.
24 Kodwa kodwa ngubani ongayihlaselayo?Ngaba uqale wayityhaphaza?Ngubani ongayithiyela ayithi qhoo ngaloo mpumlo?