Uyobi 38 XHO96

UNdikhoyo: Mna ndiza kubuza, wena ke uphendule

1 Ke *uNdikhoyo waphendula esesaqhwithini, wathetha noYobi wathi:

2 “Wena kuxa ungubani, ukuba ude ufune ukulenza mfiliba icebo lam?Mazwi mani wona la, engenalwazi nje?

3 Khawuqule, ume njengendoda;mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.

4 “Wawuphi xa ndiseka ihlabathi?Yitsho kaloku, uyingqondi andithi?

5 Ngubani owamisa ubungakanani balo?Awunakungayazi loo nto!Ngubani owalijikelezayo etsala intambo?

6 Khona, zixhaswe yintoni iintsika zalo?Ingubani owalimisela ilitye lesiseko?

7 Ngaloo ntsasa iinkwenkwezi zamemelela,izidwangube zakwaThixo zona zanemincili.

8 Mhla lwagqabhuka ulwandle emhlabeni,ngubani owalumisela imida?

9 Kaloku ndim owalwambathisa ngamafu,ndaza ndalusonga ngobumnyama.

10 Ndim owalumisela imida,ndalubiyela ndaluvalela endaweni yalo.

11 Ndaluyalela ndathi:‘Hamba, ungagqithi apha;amaza akho adlokovayo makaphele apha.’

12 “Ukhonje wakha wayiyalela intsasa yabakho?Wakha wasikhombisa indawo yaso na isifingo?

13 Nditsho umsobomvu okhanyisela iziphelo zehlabathi,khon' ukuze izikhohlakali zingabi nakuzimela ebumnyameni.

14 Kaloku ukusa kuzitsho ziphuhle iinduli neentili,zibe ngathi yingubo ebikade isongene;ewe, zitsho zicace oku kophawu olushicilelwe kumdongwe.

15 Abakhohlakeleyo bayoyiswa kukukhanya;kaloku ingalo yabo yokugonyamela yaphulwe.

16 “Ngaba wakha wayibona imithombo yolwandle?Sowukhe wathi cakatha ezintunjini zenzonzobila?

17 Uwatyhilelwe na amasango okufa?Wakha wakubona kwamnyama-ndawo?

18 Khawutsho, lingakanani ihlabathi?Phendula kaloku ukuba uyazazi ezi zinto!

19 “Ungalixela apho likhoyo ikhaya lokukhanya?Khona, wona umthombo wobumnyama uphi?

20 Ezi zinto ungazibuyisela na endaweni yazo?Khona, uyayazi na indlela esinga esikhundleni sazo?

21 Awunakungazazi; kaloku wawuseluzelwe,neminyaka yobomi bakho mininzi, ngabula wena!

22 “Wakha wababona oovimba bam bekhephu?Oovimba besichotho bona uyabazi?

23 Ezi zinto ndizigcinele mhla kwanyembeleka;ndizigcinele mhla kwathiwa ilizwe lifile.

24 Uyayazi na indlela eya apho kuvela khona ukukhanya?Uthini umoya wasempuma ukusasazeka phezu kwehlabathi?

25 Ngubani ovulela izandyondyo zemvula umjelo;ingubani yena khona ovulela iindudumo indlela?

26 Ngubani onisa imvula endle phaya?Inethiswa ngubani imvula enkqantosini,

27 ukuze ithobe unxano kumhlaba okhamisileyo,kutsho kuthi rhwelele utyani?

28 Kakade, imvula le yinto kabani;ingubani yena uyise wombethe?

29 Ke wona umkhenkce wakhawulwa ngubani;ingubani yena umzali weqabaka?

30 Kaloku amanzi ayaqina abe ngathi lilitye;inzongo-nzongo yamanzi itsho ikhenkcezele.

31 “Uthi ngaba unokuzidibanisa izilimela;khona unako ukuwakhulula amakroza?

32 Ungazilawula iinkwenkwezi namathuba azo,nditsho oozibhere ngokunjalo namatakane azo?

33 Uyayazi imithetho elawula ilanga nenyanga neenkwenkwezi?Unganako ukumisela impembelelo yazo emhlabeni?

34 “Unganako ukuliphakamisela emafini ilizwi lakho,khon' ukuze akugubungele ngezantyala-ntyala zemvula?

35 Ngaba unganako ukuyithuma imibane?Ngaba ingavuma ithi: ‘Ndiyaya’?

36 Ngubani oyazisayo intsikizi ngemvula,ingubani oxelela umqhagi ngemini entsha?

37 Sisiphi isilumko esinokubala amafu,ingubani onokuqubuda iingqayi zamanzi zasemazulwini?

38 Nditsho imvula ejika uthuli lube ludaka,ke wona amagade atsho ancamathelane.

39 “Unganako ukuzingelela imazi yengonyama?Ungawahluthisa khona amathole engonyama,

40 xa ahleli esikhundleni sawo,okanye xa ancathame ngetyholo?

41 Uthi ngubani owondla amahlungulu, xa amantshontsho awo akhala kuThixo,ebhadula ngenxa yendlala?

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42