Uyobi 31 XHO96

UYobi: Ndiwandlalile umcimbi wam; uSomandla makandiphendule

1 “Ke mna ke sendazimisela ngomxhelo wam wonkeukuba kungáze kubekho ntombi ndiyincwasayo.

2 Ke, siyintoni isabelo somntu kuThixo?Liyintoni ilifa kuSomandla kweliphezulu?

3 Abangalunganga ubathwaxa ngezibetho,aze abo bangamatshijolo abayekele ngentlekele.

4 Andithi na kaloku yena uyazazi iindlela zam,ewabala onke amanyathelo am?

5 “Ndiqinisekile andizange ndenze buqhophololo,ndingazanga ndakhohlisa mntu.

6 Makhe ndibekwe esikalini kungekho xanasiukuze uThixo aqonde ukuba ndimsulwa.

7 Ukuba ngaba nditenxile endleleni,ndaza ke ndabhaduliswa yiminqweno,okanye ukuba izandla zam zidyojwe bububi,

8 izilimo zam mazixhatshazwe mntu wumbi,yonke into endiyilimileyo mayincothulwe neengcambu.

9 “Ukuba ngaba ndikhe ndancwasa omnye umfazi,okanye ndaya kumxhwarhela ngasemasangweni ommelwane,

10 umfazi wam ngamana wagubela enye indoda;ewe, ngamana wambathwa bantu bambi.

11 Kuba eso ingaba sisenzo esigwenxa,ingaba lityala elifanelwe kukugwetywa.

12 Loo nto ingaba njengomlilo otshabalalisayo,otshisa yonke imveliso yam.

13 “Ukuba ndakha ndasigatya isikhalazo sesicaka sam,okanye andasihoya isicakazana xa sinesikrokro ngakum,

14 bendingathini ke ukujongana noThixo?Ndingathini ukuphendula xa efuna ingxelo?

15 Andithi na kaloku kwalo Thixo udale mnazikwadalwe nguye nezicaka zam!

16 “Mna andizange ndikumangale ukunceda amahlwempu,nabahlolokazi abazange bemke belambatha kum.

17 Andizange ndaneliseke kukutya ndedwa,ibe yona inkedama ingenayo into etyiwayo.

18 Kaloku ndayikhulisa njengoyise kwasebuntwaneni bayo,ndayondla ndayithantamisa kwasekuzalweni kwayo.

19 Ndakubona usizana oluze,oluhlwempuzeke kangangokuba lungabi nayo impahla yokunxiba,

20 bendilunika impahla eyenziwe ngoboya obuyimveliso yeegusha zam,lutsho lundincome luhambe lundidumisa.

21 Ngaba ndakha ndayivuyelela inkedamakuba ndiqhayisa ngokuyitshonisa nasenkundleni?

22 Xa kunjalo ke ngamana ndakroboka iingalo;akwaba zingancothuka emagxeni am.

23 Hayi bo! Ngenxa yokoyika isohlwayo sikaThixo,nangenxa yokuhlonipha ubuhandiba bakhe,into enjalo andizange ndayenza.

24 “Xa bendingaqamelela ngegolide,kwecikizekileyo ndisithi: ‘Ulithemba lam!’

25 ukuba bendivuye ndada ndaqholosa ngenxa yentabalala yobutyebi bam,nangenxa yokwanda kwemveliso yam,

26 ukuba bendisuke ndanqula ilanga ngenxa yokuqaqamba kwalo,okanye inyanga ngenxa yomfaneleko wayo,

27 ukuba ngaba bendiwexulekile ndasanga isandla sam,ndibusa zona ezi zinto,

28 nale ke into ibingaba bubugwenxa obufanele isohlwayo esiqatha,kuba ukwenjenjalo ingaba kukuvukelana noThixo kweliphezulu.

29 “Andizange ndavuyiswa kukubandezeleka kotshaba lwam,ndingazange ndakuthakazelela ukuminxeka kwalo.

30 Andizange umlomo wam ndiwuvule wonengokusuka ndilushwabulele utshaba lwam.

31 Namadoda andisebenzelayo akazange athi:‘Yhu, besilamba phaya kwaYobi!’

32 Abahambi abazange balale ecaleni lendlela ndikho;ndiyabamema beze, kuba iingcango zomzi wam zahlala zivulekile.

33 Bambi bayazigusha bazifihle iziphoso zabo,kambe ke mna andibufihli ubugwenxa bam.

34 Kuba mna andiboyiki abantu,andithi cwaka okanye ndizivalele endlwini,kuba ndisoyika ukunyenjwa zizalamane.

35 “Akwaba bekukho ondiphulaphuleyo!Ndiwandlalile umcimbi wam;uSomandla makandiphendule.Akwaba izityholo endibekwa zona ngondimangalelayo bezibhaliwe.

36 Bendiya kuzithwala emagxeni,ndizithi jize ngazo entloko njengentshinga.

37 UThixo bendiya kumanekela konke okwam,ndingqiyaze phambi kwakhe njengetshawe.

38 “Ukuba ngaba umhlaba wam ubundenzela isijwili,zindigxeka neefolo zawo,

39 ukuba nditye imveliso yawo ndingabahlawulanga abaniniwo,ndaza bona abalimi bawo ndabavimba,

40 ewe, endaweni yengqolowa mawuvelise imithi enameva,ukuze endaweni yerhasi uvelise ukhula.”Waba njalo ke uyaphetha uYobi: ncincilili-i-i!

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42