1 Ke yena uYobi uphendule wenjenje:
2 “Kuthi mandivume ndithi ùluncedo kwababhetye-bhetye!Hayi kambe ukubahlangula kwakho abo baswele amandla!
3 Ewe, uzicebise kakuhle izityhakala;hayi, ubulumko obubonakalisileyo!
4 Phofu uthi ngubani ongade aweve la mazwi akho?Khona futhe lini eli uthetha uphantsi kwalo?”
5 “Abafileyo bayabhinyalaza kukunkwantya,kanti ke nelo lamanzi liyazibhija-bhija kunye nabemi balo.
6 Ewe, elabafileyo lityhilekile phambi koThixo;ayinasigqubuthelo inzonzobila.
7 Kaloku uThixo wasitwabulula isibhakabhaka ngasentla phaya,waza umhlaba wawujingisa enyanyeni.
8 Nguye ofaka amanzi kwiingqimba zamafu,aze loo mafu awabophe angagqajuzwa bobo bunzima bamanzi.
9 Uyayifihla inyanga ingabonakali;ewe, utwabulula ilifu lithi zinzi, itsho ifihlakale.
10 Wakwahlula ukukhanya ebumnyameningeso sazinge sizotywe elundini lolwandle.
11 Uthi angakhalima zitsho zihexe iintsika ezixhase isibhakabhaka;ewe, zitsho zizama-zame zingcangcazele kukoyika.
12 Kaloku yena ngaloo mandla akhe waluthomalalisa ulwandle,waza kwangobo buchule bakhe wamvikiva uRahabhi isilo saselwandle.
13 Ngomoya wakhe ufutha sitsho sicwenge isibhakabhaka;kanti ke ikwasisandla sakhe esangxwelerha inyoka enyubelezayo.
14 Kambe ke la ngamagqabantshintshi nje amandla akhe.Thina esikuvileyo lumingi-mingi nje!Ibingubani ke ongade akuqonde ukuzongoma kwamandla kaThixo?”