18 Eso sigidimi sathi sisachaza njalo, kwagaleleka esinye, safika sathi: “Oonyana neentombi zakho bebesendlwini yonyana wakho omkhulu, bebhiyoza, besitya, besela iwayini,
19 kwaza kwasuka kwavuthuza inkanyamba, ivela ngasentlango. Isuke yadlikidla amacala omane endlu leyo, yabawela abantwana abo, bafela apho bonke; ndim ndedwa osindileyo. Ewe, ndim kuphela osindileyo ukuze ndikubikele.”
20 Kwesi sithuba ke uYobi waphakama, wakrazula umnweba wakhe, wayigugula intloko yakhe, waza ke wee guqaqa wanqula,
21 wathi:“Ndazalwa nguma ndizé, ndaye ke ndiya kunduluka ndikwazé.NguNdikhoyo onikayo, ikwanguye nothathayo.Malidunyiswe igama likaNdikhoyo!”
22 Kuyo yonke le ntlekele uYobi zange one okanye akhalazele uThixo.