16 Noba ndingade ndiqholose wena ungandizingela njengengonyama,uphinde wenze kum ngokwaloo mandla akho amangalisayo.
17 Usoloko unamangqina andintywiliselayo,ibe ke nengqumbo yakho iyakhula ngakum,kuba uyaphindelela ukundihlasela.
18 “ ‘Kwakutheni ukuze undiyeke ndizalwe?Awu! Akwaba ndandife ndingekalanywa naliliso eli!
19 Ngoku ngendifana nongazange abekho,kuba ngendavela nje ndasiwa engcwabeni.
20 Ewe, bufutshane kambe ubomi bam!Hayi khona, khawundiyeke ndikhe ndiphumle kancinane!
21 Kaloku ngoku ndiyahamba,ibe ke soze ndibuye;ndiya kwilizwe lethunzi nobumnyama.
22 Ewe, ndiya kwilizwe lobumnyama namathunzi,nelesithokothoko sobumnyama,apho ukukhanya kufana nobumnyama.’ ”