2 Ewe, ndiya kuthetha naye ndithi:‘Ngani ukuba undigwebe, Thixo?Hayi kaloku, ndazise ityala kuqala.
3 Ikunceda ntoni wena ingcinezelo enje,ukutshabalalisa umsebenzi wezandla zakho,uze uthelele amacebo ezikhohlakali?
4 Ngaba amehlo akho afana nawabantu na?Ngaba nawe ubona njengomntu?
5 Ngaba imihla yakho ifana neyomntu?Ngaba iminyaka yakho ifana neyakhe na?
6 Ngani ke ukuba ugqogqe iziphoso zam,uzingelane nesono sam?
7 Kaloku uyazi ukuba andinatyala,ibe ke futhi uyazi ukuba akekho ongandihlangulayo esandleni sakho.
8 “ ‘Ndenziwa nguwe nje, ndabunjwa zizandla zakho,ngaba ngoku uza kujika unditshabalalise?