5 Ngaba imihla yakho ifana neyomntu?Ngaba iminyaka yakho ifana neyakhe na?
6 Ngani ke ukuba ugqogqe iziphoso zam,uzingelane nesono sam?
7 Kaloku uyazi ukuba andinatyala,ibe ke futhi uyazi ukuba akekho ongandihlangulayo esandleni sakho.
8 “ ‘Ndenziwa nguwe nje, ndabunjwa zizandla zakho,ngaba ngoku uza kujika unditshabalalise?
9 Khumbula kaloku ukuba wandibumba njengodongwe!Ngaba ke ngoku uza kundivuthulula ndibe luthuli?
10 Andithi na kaloku wandithulula njengobisi,ndaza ke ndakhanywa njengengqaka?
11 Kaloku wandibumba ngamathambo nemisipha,wandinxibisa inyama, wandambathisa ufele.