1 Ke uZofare waseNama waphendula wathi:
2 “Uthi kungathi cwaka, ingaphendulwa le nyambalala yamazwi akho?Ucinga ukuba ukulavuza okunje kungamthethelela umntu?
3 Uthi oku kubhobhoza kwakho kuya kusenza sithi cwaka?Uthi wena ngoku uphoxisa thina masikuyeke singakuphoxi?
4 Andithi na kaloku wena uthi imfundiso yakho imsulwa,nawe ngokwakho awunabala phambi koThixo?