13 “Ukuba uthe wayisebenzisa ingqondo yakho,unganako ukolulela izandla kuThixo.
14 Ukuba uphethe ububi yahlukana nabo,nezinto zenkohlakalo mazingafumaneki nasemzini wakho.
15 Ukuba unokwenjenjalo ke unganako ukuma ungenaxhala nganto,ume ngxishi ungenadyudyu.
16 Ngako ke ungatsho uyilibale yonke le mbandezelo;ewe, ilibaleke njengeempuphuma zomlambo oseluwuthile.
17 Ke bona ubomi bakho buya kutsho buqaqambe ngathi kusemin' emaqanda.Le meko yakho yokubandezeleka ijike ibe yeginyis' amathe, oku komsobomvu.
18 Uya kutsho uzithembe, kuba kaloku nekamva liqaqambile.Ngenene uya kuhlala ukhuselekile ungenaxhala.
19 Uya kuthi zava ungenadyudyu,bathi nabaninzi bacele uncedo kuwe.