17 Ke bona ubomi bakho buya kutsho buqaqambe ngathi kusemin' emaqanda.Le meko yakho yokubandezeleka ijike ibe yeginyis' amathe, oku komsobomvu.
18 Uya kutsho uzithembe, kuba kaloku nekamva liqaqambile.Ngenene uya kuhlala ukhuselekile ungenaxhala.
19 Uya kuthi zava ungenadyudyu,bathi nabaninzi bacele uncedo kuwe.
20 Ke zona izikhohlakali ziya kucinywa amehlo,abe ke namathuba okuphuncula engasekho,kuphela kwanto iseleyo kukuqhawuka.”