3 Uthi oku kubhobhoza kwakho kuya kusenza sithi cwaka?Uthi wena ngoku uphoxisa thina masikuyeke singakuphoxi?
4 Andithi na kaloku wena uthi imfundiso yakho imsulwa,nawe ngokwakho awunabala phambi koThixo?
5 Awu, akwaba uThixo ebengadandulukayo athethe nawe,
6 akhe akubonise iingontsi-ngontsi zobulumko!Kuba kambe kunzulu ukwazi kwakhe!Yiqonde into yokuba esi sohlwayo akunike sona uThixosiyalaba-laba kubutyala bakho.
7 “Uthi ungahle uziqonde iingontsi-ngontsi zobunzulu bukaThixo,ngokunjalo nobungakanani bamandla kaSomandla?
8 Hayi bo, úngaphaya kwakho, namazulu uwakrobele!Ewe, yena ubona nelabafileyo, ube ke wena awazi nto!
9 UThixo ulivelele ihlabathi,kanti ke ulukrobele nolwandle!