8 Hayi bo, úngaphaya kwakho, namazulu uwakrobele!Ewe, yena ubona nelabafileyo, ube ke wena awazi nto!
9 UThixo ulivelele ihlabathi,kanti ke ulukrobele nolwandle!
10 Ukuba ke usuka akubambe edlula,aze akuse ematyaleni,ngubani ongamnqandayo?
11 Kaloku yena uyabazi oongantweni;ke, xa ebona ububi ùthi makangenzi nto?
12 Ke zona iziyatha zoza zibe nengqondomhla iqwarha lazala umntu!
13 “Ukuba uthe wayisebenzisa ingqondo yakho,unganako ukolulela izandla kuThixo.
14 Ukuba uphethe ububi yahlukana nabo,nezinto zenkohlakalo mazingafumaneki nasemzini wakho.