16 Ukomelela noloyiso lolwakhe,kanti ke nabakhohlisi ngokunjalo nabakhohliswa basesandleni sakhe.
17 Yena amaphakathi uwatsho ancitheke,nabagwebi abatsho babe ziimpanga-mpanga.
18 Uyawakhulula amakhamandela aqhotyoshwe ngookumkani,aze bona ngokwabo abanxibise umbhinqo wamabanjwa.
19 Ababingeleli ubatsho baphoxeke,aze wona amakhwahla awakhiqe.
20 Amaciko athenjiweyo uwatsho abhibhidle;aze ayiphuthise nengqiqo yamadoda amakhulu.
21 Amatshawe uwahlaza ngendelelo;ke zona iingwanyalala uzihlutha izixhobo.
22 Utyhila izinto ezifihlakele ezinzulwini zobumnyama,nobona bumbonde-mbonde abujike bube kukukhanya.