13 “Sukan' apha! Khanindiyeke ndithethe utyhatyhiwe,yehl' ehlayo!
14 Ngoku ndiza kuzibeka esichengeni,ubomi bam bube semngciphekweni.
15 Noba selengade andigwinte andikhathali;kodwa ukuxoxa oku ke kona ndiza kuxoxa,ndiyandlale kuThixo imeko yam!
16 Mhlawumbi le nto yeyona ingandisindisayo,kuba ke akukho saphula-mthetho singade sibe nokujongana naye.
17 Khanibaz' iindlebe nindiphulaphule,niyiqwalasele ingcaciso yam.
18 Hayi ke, ngoku sendiqule ndaligangatha;futhi ndiza kuyibeka imeko yam, ndixoxe ndiphume phambili.
19 Ngaba ukhona na ongabambana nam?Kuba xa kunjalo ndothi cwaka ndife.