13 “Akwaba ubungandifihla kwelo labafileyoide ithothe ingqumbo yakho,uze ke undimisele ixesha oya kundikhumbula ngalo.
14 Ukuba ngaba ke umntu ufile, angabuya aphile?Xa kunjalo ngendilinda yonke imihla yokubulaleka kwam,lide lifike ixesha lokukhululeka kwam.
15 Ngewundibiza, ndisabele ke mna,kuba wena ukulangazelela ukubona umsebenzi wezandla zakho.
16 Ngewuzibala izinyathelo zam,ungaziqwalaseli noko iziphoso zam.
17 Zonke izikreqo zam ziya kuvalelwa engxoweni,ubugqume ubugwenxa bam.
18-19 Kodwa wena uyalitshitshisa ithemba lomntu,oku kweentaba ezidilikayo zivuthuluke,oku kwamawa asunduziweyo angabi sabakho,nditsho oku kwamanzi awadlayo amatye,okwezandyondyo zemvula eziwukhukulisayo umhlaba.
20 Umntu umvikiva kube kanye, angabi sabikho;uguqula ubuso bakhe, umgxothe.