15 Ngewundibiza, ndisabele ke mna,kuba wena ukulangazelela ukubona umsebenzi wezandla zakho.
16 Ngewuzibala izinyathelo zam,ungaziqwalaseli noko iziphoso zam.
17 Zonke izikreqo zam ziya kuvalelwa engxoweni,ubugqume ubugwenxa bam.
18-19 Kodwa wena uyalitshitshisa ithemba lomntu,oku kweentaba ezidilikayo zivuthuluke,oku kwamawa asunduziweyo angabi sabakho,nditsho oku kwamanzi awadlayo amatye,okwezandyondyo zemvula eziwukhukulisayo umhlaba.
20 Umntu umvikiva kube kanye, angabi sabikho;uguqula ubuso bakhe, umgxothe.
21 Oonyana bakhe noba sebewongekile, akaqondi yena;ukanti akaboni naxa sebehlazeka.
22 Kaloku into emdlayo yintlungu yesiqu sakhe,abe ezililela yena buqu.”